15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

Uphume ngebheyile mfundisi-ntsapho oxhwilwe ngomgunyathi

Umfundisi-ntsapho waseKariega otyholwa ngokuxoka ngokuxhwilwa kwakhe, unikwe ibheyile kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesine kuTshazimpuzi.

UXolile Douw, nojongene nezityholo zokoyisa ubulungisa kunye nokuphanga, ukhululwe ngebheyile yamawaka asixhenxe eerandi (R7000). Ukanti utyityimbiselwe umnwe enikwa umyalelo wokuba abuyele enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe.

Ngexesha lokuvela kwakhe okokuqala ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpuzi, urhulumente uthe uzakuyichasa ibheyile, ngaphandle kokuba uDouw unokuvelisa idilesi eqinisekisiweyo. Kwaye bokusalindeleke ukuba atyumbe igqwetha, nanjengoko engakufanelekeli ukumelwa ngaboncedo lwezomthetho bakwarhulumente.

NgoLwesithathu, uLunga Davids ebemele uDouw enkundleni. Uxelele inkundla ukuba umxhasi wakhe uzakuhlala nodade wabo KwaNobuhle ngalo lonke ixesha lokuchotshelwa kwetyala.

Eminye imiqathango yebheyile ibandakanya ukuya kwisikhululo samapolisa saKwaNobuhle rhoqo ngoMvulo nangoLwesihlanu phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa (08:00) ukuya kwinttsimbi yesibhozo ngorhatya (20:00), kwaye angawaphazamisi amangqina lkarhulumente, elingunkosikazi kwakunye nabantwana bakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks