Uphume ngebheyile mfundisi-ntsapho oxhwilwe ngomgunyathi

Umfundisi-ntsapho waseKariega otyholwa ngokuxoka ngokuxhwilwa kwakhe, unikwe ibheyile kwinkundla kamantyi yasekuhlaleni ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesine kuTshazimpuzi.

UXolile Douw, nojongene nezityholo zokoyisa ubulungisa kunye nokuphanga, ukhululwe ngebheyile yamawaka asixhenxe eerandi (R7000). Ukanti utyityimbiselwe umnwe enikwa umyalelo wokuba abuyele enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kuCanzibe.

Ngexesha lokuvela kwakhe okokuqala ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpuzi, urhulumente uthe uzakuyichasa ibheyile, ngaphandle kokuba uDouw unokuvelisa idilesi eqinisekisiweyo. Kwaye bokusalindeleke ukuba atyumbe igqwetha, nanjengoko engakufanelekeli ukumelwa ngaboncedo lwezomthetho bakwarhulumente.

NgoLwesithathu, uLunga Davids ebemele uDouw enkundleni. Uxelele inkundla ukuba umxhasi wakhe uzakuhlala nodade wabo KwaNobuhle ngalo lonke ixesha lokuchotshelwa kwetyala.

Eminye imiqathango yebheyile ibandakanya ukuya kwisikhululo samapolisa saKwaNobuhle rhoqo ngoMvulo nangoLwesihlanu phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa (08:00) ukuya kwinttsimbi yesibhozo ngorhatya (20:00), kwaye angawaphazamisi amangqina lkarhulumente, elingunkosikazi kwakunye nabantwana bakhe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA