By Nontando Ntsevu
Owayesakuba sisithethi seANC kuzwelonke kwanelungu lekomiti yesigqeba kuzwelonke uPule Mabe udize ukuba uye warhoxa kwesi sakhiwo emva kokuvela kwakhe enkundleni ngezityholo zobuqhophololo. Ethetha noonondaba kamsinya nje emva kokuba efumene ibheyile, uMabe uthe wazise unobhala-jikelele weANC uFikile Mbalula ngeenjongo zakhe zokurhoxa kwiNEC ngeCawe.
UMabe uvele nabanye abatyholwa abathandathu kwinkundla yolwaphulo-mthetho olukhethekileyo ePalm Ridge ngoLwesithathu umhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeDwarha 2024.
Lo mba unxulumene nethenda emalunga nezigidi ezingama-R27 zeerandi eyanikwa i-Enviro-Mobi ngoMatshi wama-2017 lisebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eRhawutini.
Isithethi sooKhetshe, uBrigadier Thandi Mbambo, uthi abatyholwa babanjwe emva kwengxelo yeCandelo lophando elikhethekileyo kwithenda eyakhutshwa kweyeDwarha ka-2016 lisebe licela izindululo zokudityaniswa nokumiselwa ngokusesikweni kwabasebenzi benkunkuma kuqoqosho oluqhelekileyo lolawulo lwenkunkuma.
Kwaye kwafunyaniswa ngexesha lophando ukuba izigidi ezingamashumi amabini anesihlanu (R25m) yahlawulwa kwi-Enviro-Mobi ngeemoto ezinamavili amathathu angama-200, “nangona zonke iimpahla bezikumboneleli-nkonzo” kwaye akukho nenye enikezelweyo.
Ethetha noonondaba ngaphandle kwenkundla, uMabe ukhanyele ukuba wenze ityala. Wathi wayetshutshiswa ngenxa yokunika inkosikazi yakhe imali esemthethweni yokungena kwishishini.
UMabe uthe warhoxa njengomlawuli kwa-Enviro-Mobi ngethuba ethatha isikhundla epalamente.
Uthe iSIU iphume izama ukumba ityala elingekhoyo.
“Sithembele kwisakhono seqela eliphandayo; sikwalithembile iqela labatshutshisi ukuba ngokwenza umsebenzi wabo baya kuqinisekisa ukuba bazinikela kwibakala elichanekileyo elibekwe phambi kwabo.”
UMabe uthe akukho nto igwenxa kwindlela entsha yokwenza iimoto ezinamavili amathathu, esithi ukutyholwa ngolwaphulo-mthetho akuthethi ukuba umntu unetyala.
UMabe wongeze ngelithi, ubhalele uMbalula ukuba acebise iANC ukuba uzakuwuthobela lo mthetho wokubekela ecaleni.
Sizakucebisa nekomishoni yezobulungisa yeANC ngezi zityholo. Asikwenzi oko kuba sinetyala, sikwenza oko kuba kule minyaka ingamashumi amathathu singamalungu eANC, besikuqonda ukubaluleka kokuthwala izindululo zeANC ngayo yonke enye into esiyenzayo. I-ANC ehlaziyiweyo ifuna ukuba sizibeke ngendlela eyahlukileyo ukuze sazi ukuba xa sibekwe ityala … [ngamatyala] anzima akufunekanga senze ubomi be-ANC bube nzima.”
UMabe ubengenele isikhundla sikanondyebo jikelele kwinkomfa yokugqibela yokonyula iANC. Abanye bathi ngewayenyulwe kodwa wabelana ngenkxaso enkulu noMzwandile Masina owala ukutyunjwa xa abathunywa beqala ukuvota.
UMabe ebefudula engunondyebo jikelele we-ANC ngexesha likaJulius Malema.
Ube sisithethi sombutho kuzwelonke ngexesha lika-Ace Magashule kwaye kuthiwa uhambelana nenkokeli eyagxothwayo. Nangona kunjalo, ekuhambeni kwexesha, uMabe uye wazikhwebula kwiqela lakwaMagashule wazibona sele esondela kwinkampu kamongameli uCyril Ramaphosa.

