URhulumente nooMasipala beMpuma Kapa bebeWonga bekwabhiyozela uPhuhliso lwePhulo lokuLondoloza iNdalo.

ISebe lezoQoqosho, uPhuhliso, ukuLondoloza iNdalo kwakunye nezoKhenketho (DEDEAT) bekunye neSebe Lobambiswano Ngolawulo nemiCimbi yezeMveli (COGTA) bebambe umsitho wokuwonga ooMasipala bephondo ekuqinisekiseni ucoceko kwakunye nophuhliso lorhwebo ngokulondoloza indalo.

Amabhaso kaMasipala oHlaza (GMA) 2024/25 anike ingqwalasela oomasipala abakhokela indlela kulawulo lokusingqongileyo, ukucutha inkunkuma kunye nokuphila ngokuzinzileyo.

Eli phulo libonisa ukuzibophelela okuqhubekayo kuluntu olucocekileyo, ulawulo lwenkunkuma olunenkathalo kunye neMpuma Kapa eluhlaza.

Umfanekiso: Oomasipala abathe baphumelela kwiimbasa zogcina ucoceko kwiPhondo leMpuma Kapa.

UMphathiswa weSebe lezoQoqosho, uPhuhliso, ukuLondoloza iNdalo kwakunye nezoKhenketho uNonkqubela Pieters uthe xa ethetha, “Masidale oomasipala abacocekileyo nabalungele indalo ukuze abatyali mali bakhuthazeke xa bebona ucoceko kwiidolophu zethu. Ucoceko nomtsalane wotyalo-mali zihamba kunye. Ukuba azicocwa iiDolophu ngomasipala, uQoqosho noPhuhliso luzakutsala nzima”

Oomasipala abaphumelelyo nabathe bawongwa ngegalelo labo eliqaqambileyo kulawulo lwendalo esingqongileyo kunye neMpuma Kapa eluhlaza, ngaba balandelayo ngokwezikhundla zabo:

Umfanekiso: oomasipala abathe baphumelela kwiimbasa zogcina ucoceko kwiPhondo leMpuma Kapa.  Iifoto: DEDEAT

1. UMasipala weNgingqi waseKouga
2. UMasipala weNgingqi waseSenqu
2. UMasipala weNgingqi i-Winnie Madikizela Mandela.

“OoMasipala mabacoce iiDolophu, oko ayisosidingo kuphela KODWA yimfuneko esisiseko ukugcina indawo esingqongileyo icocekile ikhuthaza uphuhliso oluzinzileyo,” utshilo umphathiswa uNonkqubela Pieters.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.7 ° C
24.7 °
24.7 °
71 %
2.8kmh
76 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA