By Asipile Kitchen.
URhulumente wase-US (United States of America) uyiphelisile ikxaso-mali ye-USAID kwimibutho ye-HIV/AIDS ngokusisigxina. Bangaphezu kwamawaka asibhozo anamakhulu amane (4800) abasebenzi ekuzofuneka bebekelwe ngaphandle.
ISebe lezeMpilo lithi lizozenzela olwayo uhlalutyo lokujonga ukuba imali ibisetyenziselwa ntoni.
Okwangoku, iDesmond Tutu HIV Foundation ithe ukumiswa kwenkxaso-mali kungakhokelela ekuswelekeni kwabantu abangamakhulu amahlanu amawaka (500 000) phezu kweminyaka elishumi.
“Sizobona ukulahleka kwemiphefumlo,” igosa eliphethe i-ofisi yesi siseko uLinda-Gail Bekker utshilo.
“Ukufa okungeyomfuneko okugqithisa ngesiqingatha sesigidi kuzokwenzeka ngenxa yokulahlekelwa yinkxaso-mali kwaye ukosuleleka okutsha kwesiqingatha sesigidi kuzonyuka,” Bekker utshilo, ekhankanya izifundo ezicacisa igalelo lokuqhawulwa kwenkxaso-mali.

