17.5 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

URhulumente weMpuma Koloni uzakubamba intetha yenkumbulo ngobomi bukaNkos Jongumsobomvu Mqoma.

URhulumente wePhondo leMpuma Koloni (ECPG) namhlanje uza kubamba intetho yesikhumbuzo ngobomi kunye nelifa likaNkosi Jongumsobomvu Maqoma eza kube iqhutywa nguNjingalwazi uSomadoda Fikeni eMngqesha komkhulu eQonce.

UNkosi Maqoma wayeyeyona nkosi idumileyo yamaXhosa kwiimfazwe zenkulungwane ye-19 (19th Century) eMzantsi Afrika. Wabulala igosa eliphezulu laseBritani uColonel John Fordyce ngexesha leMfazwe yaseMlanjeni. UNkosi Maqoma emva koko wavalelwa eRobben Island amatyeli amabini kuba engayekanga ukulwela umhlaba wooyise. Le ntetho yesikhumbuzo iyinxalenye yemeko ebanzi yokubhiyozela isikhumbuzo seminyaka elikhulu namashumi amahlanu yokubhubha kukaNkosi Maqoma kunye nokwakhiwa koSuku lweLifa leMveli oluya kubhiyozelwa kamva eKomani ngomhla wama-24 kweyoMsintsi ngowama-2023.

Kusenjalo kwintetho yokuba iphondo ngoFebruary, inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni u Oscar Mabuyane wabalula ukuba phantsi komanyano loluntu kulo nyaka liza kube likhumbula iiMfazwe zeFrontier kwiinzame zokubhiyozela iinzame zobugorha zeenkokeli zemveli ezazisilwa ngokungayekeleliyo ngokuchasene namakoloniyali ukukhusela umhlaba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
54 %
5.6kmh
73 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks