USekela-Jaji oyiNtloko uMandisa Maya unike imbeko kwiJaji eyiNtloko eshiyayo uRaymond Zondo, emchaza njengendoda enentembeko, imbeko, kunye nomxhasi wabasetyhini kwicandelo leenkundla.
UZondo wenze intetha yakhe yokugqibela kwiNkundla yoMgaqo-siseko apho bekubanjwe umsitho owodwa wokuhlonipha yena.
IiJaji zeNkundla yoMgaqo-siseko, amaGosa eeJaji kwakunye nabameli besiGqeba esiLawulayo, iPalamente kunye nabezomthetho, bamqhwabela izandla uZondo ngokuguqula icandelo leenkundla ngexesha lakhe lokuphatha.
Ukuhlala kunye nokugweba namhlanje kuphawula isiphelo somsebenzi kaZondo wenkundla owathabatha iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27). Uzakuthatha umhlala phantsi ekupheleni kwale nyanga.
UMaya wongeza ngelithi uZondo uza kushiya ngasemva ilifa eliye labumba inkundla kwaye lomeleza amaziko olawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika.
UMaya uqhwabele izandla uJaji oyiNtloko uRaymond Zondo ngokuzibophelela kwakhe ekukhuthazeni ulingano ngokwesini kwiinkundla.
Esithi phantsi kobunkokeli bakhe, uJaji oyiNtloko uZondo uye wakhuthaza inguqu yesini kwicandelo leenkundla. Ukwathe ngexesha elifutshane njengoSihlalo weKomishoni yeNkonzo yezeeJaji, uye waxhasa ukuchongwa kwabasetyhini abaninzi kwisihlalo kunye nokunyuselwa kweejaji zabasetyhini kwizikhundla zobunkokeli ngaphakathi kwiziko kunye naloomanina aquka yena.
Ukwaveze ukuba akazange aphelele apho kwaye ukhuthaze neenkqubo zoqeqesho ezijolise ekuqhubeleni phambili nasekuxhobiseni iijaji namagqwetha. Uvale ngelithi “ungomnye weeJaji zokuqala zikaMongameli ukwenza umzamo wokwenene wokuzisa abasetyhini kwicandelo leenkundla ngokubamema ukuba basebenze njengeejaji kwaye bafumane izikhundla ezisisigxina kwiinkundla abazikhokelayo.”