Amapolisa aseGqeberha abambe indoda eneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala emva kweenzame zokuphanga ivenkile yezemidlalo eNewton Park ngentseni yangoLwesithathu umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala.
Oku kulandele emva kokuba umphathi webhari yezemidlalo eCape Road exakekile evula indawo ngezithuba zentsimbi ye-08:00.
Isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge uthi abarhanelwa abathathu(3) abaxhobileyo baye basondela bayalela umphathi ukuba avule indawo.
Kwingxelo yakhe nabeendaba zeAlgoa uBeetge uthi emva koko wasokola walwa nabarhanelwa kwaze kwafika umhambi oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala ebaleka ukuza kunceda umanejala.
Ukwathe omnye wabarhanelwa emva koko uyewadubula wonzakalisa umhambi elunyaweni.
Uthi bobathathu (3) abarhanelwa babalekile kwindawo yexhwayelo ze ngelo xesha bawisa umpu owathi kamva wawucholwa ngamapolisa. Kusenjalo ixhoba liye leqa abarhanelwa ngemoto yalo, laza lagilana nomnye wabo kwisikhululo samatayara eCape Road.
“Emva kwemizuzwana kwafika iQela leSAPS Mount Road Task Team laza labamba umrhanelwa owayenompu kunye neembumbulu ezingekho mgangathweni we-9mm.
“Yomibini le mipu ingekho nalayisenisi kunye nompu zithathwe ngamapolisa,” wongeze watsho uKapteni Beetge.
Ukwathe le mipu izakuthunyelwa ukuze kuhlalutywe uhlolisiso oluthe vetshe.
Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eGqeberha kungekudala ngezityholo zokuphanga exhobile kwanokufunyanwa nompu nembumbulu ngaphandle kwempepha.