By Asemahle Mbete.
Njengenxalenye yoxanduva lwakhe lokukhuthaza ubumbano loluntu kunye nokukhokela amaphulo okwakha isizwe kuMzantsi Afrika uphela, uSekela Mongameli uShipokosa Paulus Mashatile ngoLwesine, umhla we-10 kuTshazimpuzi ngowama-2025, uza kukhokela iSikhumbuzo seminyaka eyi-32 songasekhoyo owayeligqala lomzabalazo wenkululeko, uChris Thembisile Hani, ozakuqhubeka kwisiza seSikhumbuzo sase-Chris Hani, kwilali yaseSabalele eMpuma Kapa.
Esi sikhumbuzo siphawula iminyaka engama-32 okoko waswelekayo u-Chris Hani, iqhawe lomzabalazo wenkululeko nenye yeenkokeli zomzabalazo ezazihlonitshwa eMzantsi Afrika. Phantsi komxholo othi “Sikhumbula Iqhawe Lethu, u-Chris Hani,” lo msitho wesikhumbuzo uzakuvakala uhlaba ikhwelo kwisizwe ukuba sicinge ngobomi bakhe, iinjongo zakhe kwakunye nokuzinikela kwakhe okungagungqiyo kubulungisa, ukungacaluli ngokobuhlanga nakwinkululeko yezoqoqosho.
Isikhumbuzo salo nyaka senzeka ngeNyanga yeNkululeko, sigxininisa ukubaluleka kombono ka-Chris Hani woMzantsi Afrika weDemokhrasi, oqukayo kunye nowentlalontle. Njengoko ilizwe likhumbula ukugwintwa kwakhe ngomhla we-10 kuTshazimpuzi ka-1993, kunyaka nje phambi konyulo lokuqala lwedemokhrasi eMzantsi Afrika, uRhulumente ukwanika imbeko umlo wakhe wobomi bakhe bonke esilwela isizwe apho bonke abantu baxhamla amalungelo nesidima.
Ilifa lika-Chris Hani limi njengesibane senkalipho, sokungazingci, kunye nenkonzo ebantwini.
“Ijoni elingoyikiyo, isicaka soluntu, kunye nosochule okrelekrele wombutho wenkululeko, uChris Hani wancama intuthuzelo nokhuseleko ejonge ubulungisa nokudilizwa kocalucalulo. Inkumbulo yakhe ngoko isikhumbuza umsebenzi ongagqitywanga wokwakha uMzantsi Afrika okhululekileyo kwezoqoqosho,” utshilo uSekela Mongameli uMashatile.
Esi sikhumbuzo siza kuba nohambo lokuhambahamba kwiThala leeNcwadi neMyuziyam yaseChris Hani, imbeko evela kuRhulumente, abameli bombutho wezopolitiko abonyuliweyo kunye neenkokeli zabahlali kwakunye nemiboniso yenkcubeko ukuhlonipha ilifa lakhe.

