USekela Mongameli uShiphokosa Paulus Mashatile uza egameni likaMongameli uCyril Ramaphosa, ezokwenza intetho ephambili kumsitho wokukhumbula uSuku lwamaLungelo oLuntu lowama-2025 ocwangciselwe ukuba ngoLwesihlanu, umhla wama-21 kweyoKwindla ngowama-2025, kwiBala Lemidlalo iDerrick Ferreira, eKariega, kuMasipala waseNelson Mandela Bay, kwiPhondo laseMpuma Kapa.
Imisitho yeSikhumbuzo samaLungelo oLuntu kulo nyaka izakubanjwa phantsi komxholo othi, ” _*Ukuzinzisa iNkcubeko yoBulungisa beNtlalo kunye namaLungelo oLuntu*_ “, ikhwelo lokuzibophelela okuhlaziyiweyo nokomeleziweyo kuwo onke amanqanaba oluntu, ukukhawulezisa izisombululo ezisebenzayo ekuqhubeni ukukhula okubandakanyayo kunye nokudala imisebenzi, ukunciphisa ubuhlwempu nokujongana neendleko eziphezulu zokuphila, kunye nokwakha isizwe esineenqobo ezisesikweni nesiphuhlayo.
UMzantsi Afrika utyumbe umhla wama-21 kweyoKwindla ukuba ukhumbule uSuku lweSizwe lwamaLungelo oLuntu, ukukhumbula iNyhikityha yokufa yaseSharpeville eyabanjwa ngomhla wama-21 kweyoKwindla kowe-1960, apho amapolisa ocalucalulo abulala abaqhankqalazi-ngoxolo abangama-69 ababechasene nocalucalulo. Olu suku lubalulekileyo lukwahlonipha abantu abangama-35 ababulawa ngomhla wama-21 kweyoKwindla kowe-1985 xa amapolisa ocalucalulo ayejolise kuluntu emva komngcwabo owawuse-Uitenhage naKwaLanga.
Ngokuphathelene noku, uRhulumente ukhethe i-Kariega eMpuma Kapa, ukuba isingathe isikhumbuzo soSuku lwamaLungelo oLuntu kuzwelonke, njengenxalenye yojikelezo lukarhulumente lweeNtsuku zeSizwe ukuqinisekisa ukuba uluntu kuwo onke amaphondo luyakwazi ukunika imbeko kwabo baphulukana nobomi babo kumzabalazo wenkululeko, kunye nokubonakalisa nokujonga inkqubela eyenziweyo ekwakheni isizwe esingenabuhlanga, esingacaluli ngokwesini, esilawulwa ngokwentando yesininzi nesimanyeneyo.
USekela Mongameli uMashatile uzakukhatshwa nguMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uMnu Gayton McKenzie, uMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko uNksz Mmamoloko Kubayi, iNkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa uMnu Oscar Mabuyane, amaLungu eBhunga lesiGqeba sePhondo leMpuma Kapa, ooSodolophu kwakunye namagosa aphezulu karhulumente.