19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Wonzakele esandleni ngokumasikizi umfundi weSikolo soBugcisa saseKomani kwiveki ephelileyo.

Wonzakele ngokumasikizi uMfundi weSikolo saKwaKomani Technical School ngethuba lezifundo zobuchule bamaplanga ngoLwesithathu weveki ephelileyo, kwisandla sakhe sasekhohlo. Kungoku nje lo mfundi ufumana unyango kwisibhedlele i-Frontier.

Ngokomzali womfundi, lo monzakalo wenzeke ngethuba umatshini emsika ngokumasikizi umnwe wakhe ophakathi kunye nowesalathizi umkrazula nyama phantse kuqhawuke iminwe, ngelixa ubhontsi wakhe uqhawulwe phakathi wasjiyeka ungaphelelanga. Okukhathazayo kukuba, akukho titshala okanye igosa lesikolo elathi laxelela umzali ngesi siganeko. Endaweni yoko, iindaba zahanjiswa ngabahlobo bomfundi.

“Umzali womnye wabahlobo bakhe, ongumongikazi kwikliniki yaseKunjani, uzamile ukuncedisa kodwa wacebisa ukuba sifune uncedo esibhedlele ukuze kwenziwe uqhaqho ngomso (namhlanje), umntwana wam uzakutyandwa kwisiBhedlele i-Frontier,” utshilo lo mzali.

Emva kwesi sehlo, lo mzali uye watyelela esikolweni ngosuku olulandelayo ngenjongo yokuthetha ngalo mba nenqununu, isekela-nqununu, notitshala obengenisa isifundo ngethuba kufundwa. Lo mzali uvakalise udano kukubona ukungangxamiseki kwesikolo nokungakhathaleli impilo-ntle yomfundi.

“Impendulo kasekela-nqununu yayingenaluvelwano, uvele wandigezela esithi ukuba manndise umntwana wam kwiNgxowa-mali yeeNgozi zeNdlela (RAF) ukuze afake isicelo sesibonelelo, endaweni yokujongana nokungakhathali okungqonge oku kwenzakala,” wongeze watsho umzali.

Nangona inqununu yesikolo ithe izakuqinisekisa ukuba lo mba uya kuxelwa kwi-Sebe leMfundo, akukho manyathelo athathwayo ukuza kuthi ga ngoku. Umzali usadane kakhulu yindlela isikolo esiyihoye ngayo le meko kwaye ucela uxanduva kwiziko nabasemagunyeni kwezemfundo.

ISebe lezeMfundo eMpuma Kapa alikathethi ngesi sehlo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks