Usikhabile isicelo esingxamileyo sokuthintela ubungqina kwiKomishoni uMadlanga

Kufakwe isicelo esingxamisekileyo kwiNkundla ePhakamileyo ngomzuzu wokugqibela ngenjongo yokuthintela ingqina elaliza kuvela ngoLwesibini ekubeni lingqine phambi kweKhomishini yoPhando kaMadlanga.

Ingqina F, elilungu leGauteng Organised Crime, belilindeleke ukuba liqalise ubungqina balo ngoLwesibini kusasa. Nangona kunjalo, igqwetha lalo, uHartley Ngoato, lifake esinye isicelo sokuba ubungqina bomthengi walo bumiswe okomzuzwana.

IKhomishini kaMadlanga iye yanqumama okwethutyana ukuze kulungiselelwe ukuba Ingqina F lingqine likude (remote).

UNgoato uthi imiyalezo yeWhatsApp echaphazela umthengi wakhe, ekuxhomekeke kuyo ikhomishini njengobungqina, idala umfanekiso othile ongahambelani nomxholo opheleleyo.

Le ngxoxo ibe sisiseko sesicelo esingxamisekileyo esifakwe kwiNkundla ePhakamileyo.

Ingqina F lizame ukuthintela ikhomishini ekubonakaliseni obo bungqina beengxoxo zeWhatsApp.

Igqwetha lalo lichaze lathi:
“I-WhatsApp ethunyelwe phambili kuye ngoku iboniswa ngathi nguyena umsunguli wale WhatsApp. Nokuba siyibonisa apha, iza kudukisa ilizwe kuba kuya kubonakala ngathi nguyena oyithumileyo ekuqaleni, kanti akunjalo.”

USihlalo weKhomishini, uJustice Mbuyiseli Madlanga, ubuze Ingqina F, elingqinayo likude, malunga nesigqibo salo kulo mba.

“Ndifuna ukuva kuwe, ukuba nawe uyakuqinisekisa na ukuba awuzukuthatha nxaxheba?” utshilo uMadlanga.

Ingqina F laphendula lathi: “Ndiyakuqinisekisa, Commissioner.”

UMadlanga ulumkise ingqina ukuba kukho iziphumo zolwaphulo-mthetho phantsi koMthetho weeKhomishini (Commissions Act) xa lingavumi ukuphendula imibuzo.

Uye wagxininisa ukuba inkqubo mayiqhube ngoLwesibini, evakalisa inkxalabo yokuba indlela emi ngayo Ingqina F ingabeka umzekelo kwamanye amangqina.

Ekugqibeleni, uMadlanga wasikhaba isicelo waza wenza lo myalelo:

  1. Isicelo sokumisa inkqubo siyaliwa.

  2. Abo bakhokela ubungqina banikwe imvume yokubonisa njengobungqina iingxoxo zeWhatsApp ezinxulumene noNgqina F, kwaye apho kuyimfuneko, bazichaze.

  3. Ingqina F liyalelwa ukuba lihlale kwindawo ekungqinelwa kuyo likude de likhululwe yikomishini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
88 %
2.4kmh
0 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA