By Nontando Ntsevu.
UMphathiswa wokuhlaliswa koluntu uThembi Simelane ubongoze onke amaphondo ukuba abeke phambili iiprojekthi zokwakhiwo kwezindlu ezingekagqitywa.
USimelane ukuthethe oku emva kokubhubha kwamalungu osapho amathandathu ngethuba kutsha ityotyombe labo kumatyotyombe aseMarikana Kwa-Thema kwiMpuma yeRhawuti.
Ukwathe iSebe lithwaxwe ngamanzi emva kweentlekele ezininzi kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, ingakumbi KwaZulu-Natal naseNtshona Kapa.
“Izehlo ezingentle kumatyotyombe wethu ziluphawu olucacileyo lokuba kufuneka sikhawulezise kwaye sityale imali ekuphuculeni amatyotyombe kwaye sizibophelele ekugqibeni zonke iiprojekthi ezimisiweyo kwilizwe jikelele, oku kuya kwenza ukuba abaxhamli abafanelekileyo bakwazi ukufikelela kwiindawo zokuhlala ezisemgangathweni, kuthintelwe ukubhubha kobomi nokuphucula umgangatho wobomi bamakhaya”, utshilo uSimelane.
Uthe isebe liceba ukuphucula amatyotyombe angaphaya kwama-4,000 ebudeni beSicwangciso soPhuhliso seXesha eliPhakathi sika2024-2029.
USimelane ubethelele ukubaluleka kwentsebenziswano phakathi kwabo bonke abachaphazelekayo ekujonganeni namatyotyombe kwilizwe jikelele. Oku kubandakanya urhulumente, icandelo labucala, ii-NGO kunye noluntu.
Ukusabela kwesi sehlo saseEkurhuleni, uSimelane unike iYunithi yeZindlu eziNgxamisekileyo, igqiza elijongene neentlekele kwisebe lokuhlaliswa koluntu, ukuba lisebenzisane nesebe lokuhlaliswa koluntu laseRhawutini kunye neSixeko sase-Ekurhuleni ukunceda umzi ochaphazelekayo.

