Amapolisa eMpuma Kapa aphanda izityholo zobuqhophololo ezibekwe uSodolophu woMasipala waseSakhisizwe uBoniswa Ponoshe kunye noSomlomo uNomzamo Mkati, kulandela izityholo zokuba esi sibini salisebenzisa gwenxa ikhadi likamasipala lamafutha ezithuthi.
ISakhisizwe ngumasipala omncinci uneewadi ezilithoba. Lo masipala umi ngaphandle komntla weMpuma Kapa, ineedolophu ezimbini eziphambili, iCala neKhowa (eyayisaziwa njengeElliot).
Izityholo ezijongene noPonoshe noMkati beziswe nguBulelani Bunyonyo, umququzeleli weXhalanga Civic Platform, umbutho wasekuhlaleni owamiselwa ukugcina amagosa enoxanduva kwisithili saseChris Hani.
UBunyonyo uxelele iGroundUp ukuba nangona bebechazelwe ngezi ziganeko zorhwaphilizo kwisithuba esingangonyaka, bafuna ukunika umasipala ixesha lokuthatha amanyathelo nokuwaphendulisa la magosa mabini. Kodwa, uthi, akukho nto yaneleyo eyenziweyo ukuyithintela ukuba ingenzeki kwakhona.
Idokethi likasodolophu likhutshiwe kwisikhululo samapolisa eCala lasiwa kumphandi kwisikhululo samapolisa saseMaXesibeni, isithethi seSAPS uNamhla Mdleleni uqinisekisile kule veki.
Ngokwamaxwebhu abonwe yiGroundUp, kutyholwa ukuba ngoNovembha ka-2022 isithuthi sikaPonoshe sazaliswa izihlandlo ezithathu, ngexabiso le-R5,000, kusetyenziswa ikhadi lamafutha likamasipala ngethuba ehamba phakathi kweKomani naseMaXesibeni.
Ngokuphathelele kwityala likaSomlomo, kutyholwa ukuba uMkati usebenzise ikhadi likamasipala lamafutha kwisithuthi sakhe sabucala phakathi kwenyanga yeDwarha ukuya kweyoMnga ka-2022. UBonyongo uthi lo mba wawuxelwe kwibhunga licandelo lolawulo lwezithuthi njengenxalenye yengxelo yekota yesibini yamafutha.
Naye uMkati akavumanga ukuthetha.
Emva koko ikomiti yohlahlo lwabiwo mali kamasipala (MPAC) yanikwa uxanduva lokuphanda ngezi zityholo. Kwintlanganiso ekhethekileyo ngo-Okthobha ka-2023, uMkati wayalelwa ukuba abuyise le mali, waza wayalela ukuba “amanye amagosa abandakanyekayo” athunyelwe kwiingxoxo zoluleko.
Imali ebekuqikelelwa ukuba uMkati ebeza kuyihlawula ifikelele kwiR9,000, ngokomthombo wethu okumasipala, kodwa asikwazanga kuqinisekisa oku.
“Njengabahlali sithatha inyathelo silwela okukokwethu. Buninzi ubuqhophololo obenzeka kumasipala wethu. Ababoneleli ngeenkonzo basebenza ngaphandle kwezivumelwano, ukuhanjiswa kweenkonzo kubi kwaye iiprojekthi zishiywa zingagqitywanga.”
“Asingosodolophu nosomlomo bodwa abasebenzisa kakubi imali kamasipala. Amatyala amaninzi aya kuvulwa. I-SAPS lithemba lethu lokugqibela lokubumba iinkokeli zethu ukuze ziqalise ukusebenza,” utshilo uBunyonyo.
“Sinoluvo lokuba ubunkokeli obungajongi kakuhle ngoyena nobangela wemingeni yokuhanjiswa kweenkonzo eSakhisizwe,” utshilo uBunyonyo.
Ilungu leMPAC uAviwe Mpakane (DA) uthe uyazazi izityholo ezibekwa uPonoshe noMkati. Kodwa wathi ikomiti yacelwa kuphela ukuba igocagoce uMkati ngelo xesha.
“Ithe yakuqala le nto, yayingumlo weANC. Ndiye ndachola ukuba kukho amakhadi amabini epetroli asetyenziswa kakubi. Ndabuza ukuba kutheni kudliwan’ indlebe nomntu omnye kuphela. Ngelishwa, ndim ndedwa owayebuza loo nto,” utshilo.
Uthe uMkati uxelele ikomiti ukuba unesivumelwano somlomo nowayesakuba ngumlawuli weshishini kunye nomphathi wezithuthi ngoku, apho wayevunyelwe ukusebenzisa ikhadi lepetroli kwimoto yakhe kuba isithuthi sikamasipala kutyholwa ukuba sikulo matshini.
“Uyibuyisile imali ngokomyalelo webhunga,” utshilo.
ISithethi sikaMphathiswa weSebe leNtsebenziswano uZolile Williams, uPheello Oliphant, uthe akukho sikhalazo sisemthethweni sifunyenweyo kodwa waqinisekisa ukuba bawufumene umyalezo ka-WhatsApp kwiXhalanga Civic Platform.
Usihlalo weMPAC uLulama Tulelo kunye nomanejala kamasipala uSibongile Sotshongaye abakhange bayiphendule imibuzo yethu ethunyelwe ngomhla weshumi elinanye kweyeNkanga.

