15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

UMaspala wesithili saseSarah Baartman unikezele ngesithuthi socimo mlilo eluntwini.

uSodolophu weSigqeba somaspala waseMakana uCllr Yandiswa Vara ekunye noSomlomo kaMasipala weSithili saseSarah Baartman uClr Nomhle Gaga ngoLwesihlanu umhla wama 27 October 2023 banikezele ngesithuthi sokucima umlilo kunye nezixhobo eziza kusetyenziswa ukulwa umlilo kuluntu lwaseRiebeek East nakwiingingqi ezingqongileyo.

Kwakwesi siganeko abahlali baseRiebeek East, kwaNonzwakazi, baye baziswa kwiiConsultants kunye neNkampani, iGS Civils, eza kube isakha kwaye iphucula indlela yangaphakathi kwaNonzwakazi.

Leprojekthi iza kuthatha malunga neenyanga ezili-12 ukugqitywa kwaye iya kuqesha abantu abangaphezu kwe-15.

Eminye yale misebenzi iquka ukwakhiwa kwebhulorho, ii-colbets, inkqubo yokukhupha amanzi nokugalela iindlela.

Ngoxanduva lwentlalontle, i-GS Civils izibophelele ekuhlaziyeni ngokutsha iindawo zangasese zebala lezemidlalo kunye nebala lebhola yomnyazi.

Inkampani kunye noluntu bazibophelele ekusebenzisaneni ukukhusela izixhobo eziza kusetyenziswa ngalo lonke ixesha leprojekthi njengoko ubusela nokonakaliswa kunokulibazisa ukugqitywa kweprojekthi.

smart

OoCeba bePotfoliyo kunye noSodolophu oLawulayo baye bacela intsebenziswano kunye nokuqaphela phakathi koluntu malunga nezixhobo ezizakusebenza

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks