USolly Mapaila weSACP utyhola iANC ngokuba nekratshi kunye neqela elingaphumeleliyo njengeqabane lomfelandawonye.

By Buhle Nomgalasa.

UMbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika (SACP) uthi isigqibo sawo sokungenela unyulo sisodwa sisusela ekubeni kuhlehliswe “ingxoxo esisigxina engenaziphumo” ngokwabelana ngegunya lezopolitiko neAfrican National Congress (ANC) iminyaka engaphaya kwamashumi amabini anesibini (22).

Kwintetho yakhe ephambili, unobhala jikelele weSACP, uSolly Mapaila, utyhole iANC ngokuba ne kratshi nokusilela kombutho ngengeqela lomanyano.

Ngenyanga yeKhala 2025, iSACP iye yangenela unyulo lovalo sikhewu oluchasene neANC nalapho ifumene ipesenti enye yeevoti.

Isithethi seANC kuzwelonke, uMahlengi Bhengu-Motsiri, uthe kungoku nje ikamva lalo mfelandawonye likwi-ajenda kwindibano yekomiti elawulayo eqhubayo.

“Siza kuxoxa ngendlela yeANC malunga nesigqibo se-SACP sokufuna uzimela ngokubhekiselele kulawulo lwezopolitiko. I-NEC iya kuthathela ingqalelo iziphumo zeso sigqibo kwaye ijonge umanyano lwembali kunye nendlela esilawula ngayo phantsi kwezi meko, kunye neemeko zomfelandawonye emva ko-2024.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA