By Sophumelela Singqotha
Usekela-nqununu nenkokeli yenkonzo yaseMonti ojongene nezityholo zokurhweba ngabantu kunye nokuthengisa ngabantwana abangamantombazana, uxelele inkundla ukuba akanakuhlala eluvalelweni ngenxa yezigulo ezinganyangekiyo.
Oku kuvele ngethuba kuchotshelwa ibheyile kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesine.
Ujongene namatyala asibhozo okurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni emva kokubanjwa licandelo leeHawks eMonti kwiveki ephelileyo efundisa kwisikolo esingaphandle kwesixeko.
Lo ka Gana utyholwa ngokurhweba ngamantombazana aneminyaka ephakathi kwe-16 kunye ne-23 “ngokungekho mthethweni nangabom” ukubaloba, ukuthutha kunye nokudluliselwa ngaphakathi okanye ngaphaya kwemida yoMzantsi Afrika ngokugrogrisa okanye ukunyanzeliswa.
Ukwabekwa ityala lokugcina isakhiwo apho kuhlala oonongogo, ngokuchasene neCandelo lesi-2 loMthetho wamaTyala ngokweSondo.
Ngexesha lokuxoxwa kwetyala ngoLwesine, uxelele umantyi uLuthando Screetch ukuba uzimisele ukuwaphika onke amatyala.
Ukhanyele ukuba uneshishini lokurhweba ngabantu okanye ubandakanyeka kubuhenyukazi obubandakanya amantombazana angaphantsi kweminyaka.
Lo mfundisi-ntsapho oyinzalelwane yaseNqamakhwe, nosebenze iminyaka engamashumi amabini anesine (24) kwisebe lezemfundo ephondweni, uxelele inkundla ukuba makangahlali eluvalelweni ngenxa yezigulo ezingapheliyo.
“Ndinezigulo zempilo ezifuna ukujongwa,” utshilo.
Igqwetha lakhe uBongo Mvinjelwa ufake ingxelo efungelweyo evela kugqirha wakhe waseMonti eqinisekisa amabango akhe onyango.
Ingxelo kagqirha eyayibalaselisa izigulo zakhe ezinganyangekiyo yaziswa enkundleni.
Umtyholwa uxelele inkundla ukuba umntwana wakhe omncinane, oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, uxhomekeke kuye ngemali.
Uthi unemihlaba emibini eMonti, equka indawo eseQuigney apho atyholwa ngokwenza indawo yokuthengisa ngoonongogo.
Wathenga le ndawo ngo-2019 kwaye wayenendlu e-Amalinda. Ucele inkundla ukuba imnike ibheyile ye-R5,000.
Umbuso, omelwe nguAdvocate Lifa Matyobeni, ojongene namatyala okurhweba ngabantu, uyichasile ibheyile. UMatyobeni ungene ezihlangwini zika-advocate Nceba Ntelwa.
Engqinela umbuso, umphandi weeHawks uLieutenant-Colonel Nangamso Ndawule uthi waqala ukuliphanda eli tyala ngonyaka ka2023 emva kokuba efumene ulwazi nomkhondo.
Uxelele inkundla ukuba amanye amaxhoba angamangqina, abhekisa kummangalelwa ngokuthi “nguMamzo”.
UNdawule utyhola ngelithi amanye amantombazana aqashwa kuFacebook, kusenziwa amalungiselelo okuba alandwe kwisitalato iOxford.
“Umtyholwa waqesha unongogo ngethuba eseMthatha emxelela ukuba uza kwenza imali eninzi eMonti kuneR70 ngomjikelo omnye abawenzayo,” utshilo.
Wathi wayedlan’ indlebe nentombazana eyayineminyaka eli-16 ubudala ngelo xesha yaye kuthiwa yayisebenza kwindawo yoonongogo.
Le ntwazana ibikhe yaya eMonti ityelele umakazi wayo kodwa ayizange ifike kuye.
Ngelixa ezula-zula kule ndawo, wafikelwa ngabathengisi ngemizimba kwindawo yomtyholwa eQuigney waza wafunyanwa, inkundla yakuva.
“Nanini na kukho amantombazana amatsha, wayebizwa [umtyholwa], athi akudibana nale ntwazana, ayibuze ukuba akhona amantombazana alingana naye angangena,” utshilo uNdawule.
Uthi amaxhoba athi umthyolwa ubabonelela ngempahla ebekufuneka bayinxibe ngentlawulo, kwaye kufuneka bayibuyise.
UNdawule uye wachukumiseka ngethuba enikela ubungqina, esithi uyayichasa ibheyile ngenxa yokuba umtyholwa eqhubeka nokufikelela kumantombazana angaphantsi ngeminyaka.
“Ndiqaphele ukuba uninzi lwamantombazana asuka eMthatha, ingingqi asuka kuyo, enye isuka kwilali yakhe.
“Umthyolwa wasebenzisa ithuba lemeko yabo, akukho mntu unelungelo lokuthengisa umntu ngemali,” utshilo uNdawule.
Ngethuba ephekwa ngemibuzo, uMvinjelwa ubuze ukuba ingaba kufanelekile na ukuba kuvalwe ezindawo zinoshishino olungekho mthethweni zomthyolwa njengemiqathango yebheyile.
“Bekumele ukuba kudala yenziwa,” uphendule watsho uNdawule.
Ingxoxo yamiswa ngokufutshane emva kwentsimbi yesithathu (3pm)ukuze omabini amaqela ahlole iingxelo.
Amalungu eSisonke Movement kunye ne-EFF aqhankqalaze ngaphandle kwenkundla, esithi makanganikwa ibheyile.
Ityala liyaqhuba namhlanje uLwesihlanu umhla wamashummi amabini anesine (24/10) ukuze kuqhutywe iingxoxo zokugqibela.
Kutyelelo lwepalamente eMpuma Koloni ngoMvulo, amalungu ekomiti ejongene nesebe lezemfundo athe anikwa amagqabantshintshi ngeli tyala ngumlawuli wephondo uThembani Mtyida.
Usihlalo wekomiti uMakhi Feni uthe iSouth African Council for Educators (i-SACE) kufuneka iwuthathele ingqalelo lo mba.
“Sidanile kukuva ngesi siganeko. Izigqeba zootitshala ezinoxanduva kufuneka zikhawuleze zisuse usekela-nqununu kuluhlu lootitshala, kwaye kufuneka kuthathwe isohlwayo esifanelekileyo,” utshilo.

