Umfundi weYunivesithi iNelson Mandela Bay (NMU) owabulawa ngoSeptemba wonyaka ophelileyo unikwe isidanga sakhe eMadibaz Indoor Centre ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesibini kuTshazimpuzi.
UMziwenene Tinza oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ubudala, wahlatywa wabhubha esifubeni kwindawo yokuhlala abafundi kuleDyunivesithi, xa engene kwingxabano eyathi kamva yajika yaba ngumlo.
Isithethi seliziko-mfundo, uZandile Ngwendu uthe cwaka okwexeshana kwimibhiyozo eMadibaz Indoor Centre njengoko umalume womfundi obhubhileyo eye wabizwa ukuba aze kuthatha ikhephe-khephe likamfi.
Ezama ukulinganisa ibhongo nonxunguphalo lwalo mzuzu, uMninawe Siphelele Jim ubengcangcazela kodwa kamva wakwazi ukuzibamba iimvakalelo zakhe ngelixa ubesingise kwiDini yesiGqeba se(Faculty of Humanities), uNjingalwazi Pamela Maseko, ofunde igama lomtshana wakhe ongasekhoyo.
Obambeleyo njengeSekela-Ngqonyela UNjingalwazi Pamela Masek , uthi uMziwenene Tinzi, owasweleka kabuhlungu kunyaka ophelileyo, ebephumelele isidanga sobuGcisa, kwaye ucela ukuba anikwe esi sidanga emva kokusweleka kwakhe,”.
Isihlwele sigqabhuke yimincili emva kokuba ibambela likaSekela-Ngqonyela uMaseko, enikezele ngesidanga, njengoko uJim emxhawula isandla.
Umntu otyholwa ngokuba ngumbulali kaTinza wabaleka endaweni yexhwayelo kodwa wazinikela emapoliseni ngosuku olulandelayo.
UMziwenene ebengomnye wabafundi abangamakhulu amathathu namashumi alithoba anesithandathu (396) abathweswe izidanga ngentsasa yangoMvulo.

