Owayesakuba ngu Mkomishinala obambeleyo wamapolisa kazwelonke uLieutenant-General Khomotso Phahlane ulindeleke ukuba avele phambi kwekomiti yePalamente namhlanje njengoko izakubuyelaenkomeni kwisigaba sayo sesibini sokuphanda izityholo zorhwaphilizo, ukungenelela kwezopolitiko kunye nokungena kolwaphulo-mthetho kwinkonzo yesipolisa.
Ubungqina bakhe buza kuphawula ukuqala kwesigaba sesibini seengxoxo esilindeleke ukuba sisonge kwinyanga ka-February.
Kulindeleke ukuba uPhahlane acacise ngexesha lakhe njenge nkokheli ukusesela kunyaka ka 2015-2017.

