Uzakuvula ngokukusesikweni isikhululo samaPolisa umphathiswa wenkonzo yesiPolisa e Chatty empuma koloni

Ngelixesha lokujongana neemfuno zomsebenzi wamapolisa zoluntu kunye nokusondeza izixhobo zesipolisa kuluntu. UMphathiswa wamaPolisa, uNjengele Bheki Cele uza kuthi ngolwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe 2023, anikezele ngesikhululo samapolisa aseChatty eMpuma Koloni.

Isikhululo samapolisa saseChatty sesinye sezikhululo zamapolisa ezilishumi elinesithahu ezitsha, eziza kuthi zinikezelwe eluntwini kulo nyaka-mali.

Kunyaka-mali ka-2023/2024, iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) yabele i-R1 yebhiliyoni yokwakha izikhululo zamapolisa kunye nenye i-R30 yezigidi zeerandi ukuguqula iilori zibe ngamaZiko eeNkonzo zoLuntu ezihambayo.

Amalungu osasazo ayamenywa ukuba azimase isikhululo samapolisa saseChatty, esiya kulandelwa Ikhwelo loThintelo loLwaphulo-mthetho elisingathwe liSebe loMphathiswa kunye nabaphathi beSAPS.

Umhla: NgoLwesihlanu, 26 Meyi 2023
Indawo: Isikhululo samaPolisa eNgxoxo, eGqeberha
Ixesha: 09:00

Umhla: NgoLwesihlanu, 26 Meyi 2023
Indawo: Raymond Mhlaba Hall, Motherwell
Ixesha: 11:00

Lirandzu Themba
ISithethi soMphathiswa wamaPolisa
082 604 9080

UBrig Tembinkosi Kinana
I-SAPS EC
082 301 769

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA