22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Uze ucinga kabini nakathuthi phambi kokuba ukhwele i(bus) kaAPM

Uze ucinge kabini nakathathu phambi kokuba ukhwele ibhasi yenkampani yakwaAPM

Lixesha likaxakeka, kwaye sele ziqalile iholide zaphakathi enyakeni. Izolo umhla we(14 June 2022) sidibene neqaqobana labantu nabebegodola bechachatheka yingqele, belinde ibhasi yenkampani yakwaAPM kwisikhululo samafutha ezithuthi(petrol station) eNgqushwa. Ababakhweli bathi bebelinde ibhasi yentsimbi yesine(4pm) malanga kodwa lebhasi ifike emva kweeyure ezintlanu(5 hours) ebusu.

Lebhasi ifike emva kwentsimbi yethoba(9pm) ebusuku sele abakhweli bencamile.

Okuxhalabisayo kukulinda esithubeni kusebusuku ntoleyo enokubanegalelo lokubeka ubomi babo esichengeni kwiziphumo zobudlobongela nokuxhatshazwa okugqubayo kweli.

Ngalentseni yanamhlanje sifumene kwakho  ingxelo ethi kwalebhasi yakwaAPM ibanjiwe ngamagosa ezendlela kwiphondo leNtshona Koloni eGeorge. Ezivakalayo kukuba ayikulungelanga ukuba ibesendleleni. Sithetha nje isamile lebhasi abantu abakafiki apho bebesiya kwaye kuthiwa kulindwe enye evela eKapa ukuzobalanda.

Sizamile ke silelijelo ukubakhangela emxebeni ukususela izolo nanamhlanje kodwa lomizamo ayaphumelela. Iinombolo zabo zoncedo zikhala zide ziziyekele kungekho namnye ophendulayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks