15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

R200 000 nca kulowo unokuza nomkhondo ngokubulawa kudutyulwe uNamhla.

Amapolisa aseMpuma Koloni acela uncedo kuluntu kwaye ethembisa ngokunikezela imbuyekezo yesixa-mali engange-R200 000 kuye nabani ongazisa ulwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa obandakanyeka ekubulaweni kukaNamhla Mtwa.

UNamhla wagetyengwa kwikhaya lakhe ngorhatya womhla wamashumi amabini ananye(21 kuTshazimpuzi 2022) eMthatha. UNamhla nobeneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu(35) ubudala wadutyulwa wabulawa engaphakathi emotweni yakhe ngumrhanelwa ongaziwayo ngethuba efika kwikhaya lakhe eSidwadwa. Wafumana amanxeba okudutyulwa kumzimba wakhe ongasentla kwaye wabhengezwa njengoswelekile kwindawo yexhwayelo.

Uphando olunzulu luyaqhutywa ukuze kubanjwe umoni kwesisehlo.

Imbuyekezo yemali ke ngoko inikezelwa njengenxalenye yenkqubo yophando oluqhubayo, nakuwuphi na umntu onokunika ulwazi oluya kukhokelela ekubanjweni, kutshutshiswe ngempumelelo kananjalo nasekugwetyweni komrhanelwa onetyala lokubulala ongasekhoyo uNamhla Mtwa.

Kucelwa nabani na onokuthi ancedise kuphando ngokwabelana ngolwazi oluya kukhokelela ekubeni afumaneke kwaye abanjwe umrhanelwa, uyacelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphandayo eliphambili *uBrigadier Venetia Masingi*, ku-082 040 6751 okanye atsalele inombolo ye-Crime Stop 08 600 10111 Yonke ingcaciso enikiweyo iya kugcinwa iyimfihlo engqongqo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks