16.9 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

R200 000 nca kulowo unokuza nomkhondo ngokubulawa kudutyulwe uNamhla.

Amapolisa aseMpuma Koloni acela uncedo kuluntu kwaye ethembisa ngokunikezela imbuyekezo yesixa-mali engange-R200 000 kuye nabani ongazisa ulwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa obandakanyeka ekubulaweni kukaNamhla Mtwa.

UNamhla wagetyengwa kwikhaya lakhe ngorhatya womhla wamashumi amabini ananye(21 kuTshazimpuzi 2022) eMthatha. UNamhla nobeneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu(35) ubudala wadutyulwa wabulawa engaphakathi emotweni yakhe ngumrhanelwa ongaziwayo ngethuba efika kwikhaya lakhe eSidwadwa. Wafumana amanxeba okudutyulwa kumzimba wakhe ongasentla kwaye wabhengezwa njengoswelekile kwindawo yexhwayelo.

Uphando olunzulu luyaqhutywa ukuze kubanjwe umoni kwesisehlo.

Imbuyekezo yemali ke ngoko inikezelwa njengenxalenye yenkqubo yophando oluqhubayo, nakuwuphi na umntu onokunika ulwazi oluya kukhokelela ekubanjweni, kutshutshiswe ngempumelelo kananjalo nasekugwetyweni komrhanelwa onetyala lokubulala ongasekhoyo uNamhla Mtwa.

Kucelwa nabani na onokuthi ancedise kuphando ngokwabelana ngolwazi oluya kukhokelela ekubeni afumaneke kwaye abanjwe umrhanelwa, uyacelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphandayo eliphambili *uBrigadier Venetia Masingi*, ku-082 040 6751 okanye atsalele inombolo ye-Crime Stop 08 600 10111 Yonke ingcaciso enikiweyo iya kugcinwa iyimfihlo engqongqo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
16.9 ° C
16.9 °
16.9 °
56 %
3.5kmh
33 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °
Thu
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks