By Inga Mkalali.
U-Asakhe Ngxonono noyinzalelwana yase-Gqeberha ligqiyazana elisaze ngobuso ezweni nelinekamva eliqaqambileyo kwaye ebengomnye wezithwalandwe ebezicanda amabala kwiziko lemfundo enomsila i-Witwatersrand University esamkela isidanga sesibini kwi-BA in Dramatic Art.
Le ntokazi yaziwa kakhulu ngochungechunge lelizwi elithi lonwabise abaphulaphuli besikhululo uMhlobo Wenene FM, kwinkqubo ethi Masithethe Mtshana rhoqo ngoMgqibelo ukusuka kwintsimbi yesixhenxe uyotsho kweyesibhozo.
Intshisakalo, isakhono kwakunye nothando analo lokusasaza limkhokhelele ekubeni awongwe kwaye ahlonitshwe kwimbasa zikanomathotholo zaseMzantsi Afrika ezisingathwa minyaka le njengomnye we-Bright Star Inductees ngonyaka ka-2022.
“Ndihlala ndisithi unomathotholo wakhetha mna. Ndaqala ngokumane ndisenza imibongo ngemini ezibalulekileyo eMzantsi Afrika. Ndathi ngokumane ndisiya kumajelo osasazo kanti kutyaleka uthando nentshisakalo yokuba ngumsasazi. Kwathi xa kuvela ithuba lokuba ngumsasazi ndalibamba ngezandla zozibini ndandisenza ibanga leshumi ngoko (Grade 12).”
Uphawule watsho lo kaNgxonono. Eminye yemicelimngeni aye waqobisana nayo njengomntu omtsha osemehlweni yinto yokungakwazi ukwenza impazamo njengogxa okanye intanga zakhe kuba baninzi abantu abambukeleyo nabambona njengomzekelo omhle .
Umyelezo ka-Asakhe ebantwini uthi mabangalilahli ithemba batyhale ngesifuba kwaye basebenze nzima ukuze bakhazimle okwenkwenkwezi futhi bakhumbule ukuba indlela zabantu azifani.
“Ndizibona ndikumabonakude njengobhexeshi wenkqubo kwanomdlali weqonga kwaye ndiqhubeka nokusasaza kunomathotholo” utshilo u-Asakhe xa ebesikrobisa kwizicwangciso zakhe kwiminyaka ezayo.

