22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

UZintle Kwaaiman ukhuphe ingoma ethi Sabela.

By Sophumelela Singqoto & Siyakholwa Vuso

Imvumi edumileyo yaseMpuma koloni uZintle Kwaaiman kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini (22) kweyoMsintsi ukhuphe ingoma yakhe entsha kraca ethi ‘Sabela’, kwaye kule ngoma akahambi yedwa uye wabambusana noMpumi kunye noTorque Muziq.

Kwilinge lokuba ingoma yakhe ifumane ukusasazeka uye wabongoza abalandeli kunye nabathandi bomculo wakhe kumakhasi akhe onxibelelwano ukuba bathenge ingoma kwivenkile yeDijithali ekuthiwa yi-‘iTunes’ ngeerandi nje ezisibhozo (R8).

Ngexesha lopapasho lwelinqaku ingoma ibihleli nombolo 85 ngeeyire nje ezimbalwa iphumile, yehla yaya kunombolo 53 ngoku sithethayo le ngoma ikunombolo 2. Oku ke kubonakalisa indlela abalandeli kunye nabathandi bomculo abamnika ngayo inkxaso ngenxa yomculo wakhe omnandi.

Kusenjalo, uKwaaiman kulenyanga sikuyo uchongwe kwimbasa zomculo ezibizwa iZikomo Africa Awards, kwaye uchongelwe kudidi lwe-‘Best Zikomo Song Collaboration of the Year’ kunye nakudidi lwesibini i-‘Best Zikomo Rising Star of the Year’.

Oku ke kubonakalisa ukuzinikela kunye nokuyithanda into ayenzayo, kwaye ungakungqina oku ukuba uyayazi indlela ayihambileyo kwezomculo nolonwabo ngoba apha ku2024 ugqibezela iminyaka engapha kwesithandathu ukuba ayikho ngaphezulu ekulo msebenzi lokonwabisa ngomculo kunye nokudanisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks