By Sophumelela Singqoto & Siyakholwa Vuso
Imvumi edumileyo yaseMpuma koloni uZintle Kwaaiman kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini (22) kweyoMsintsi ukhuphe ingoma yakhe entsha kraca ethi ‘Sabela’, kwaye kule ngoma akahambi yedwa uye wabambusana noMpumi kunye noTorque Muziq.
Kwilinge lokuba ingoma yakhe ifumane ukusasazeka uye wabongoza abalandeli kunye nabathandi bomculo wakhe kumakhasi akhe onxibelelwano ukuba bathenge ingoma kwivenkile yeDijithali ekuthiwa yi-‘iTunes’ ngeerandi nje ezisibhozo (R8).
Ngexesha lophando lwelinqaku ingoma ibihleli kunombolo 85 ngeeyure nje ezimbalwa iphumile, yehla yaya kunombolo 53 ngoku sithethayo le ngoma ikunombolo 2. Oku ke kubonakalisa indlela abalandeli kunye nabathandi bomculo abamnika ngayo inkxaso ngenxa yomculo wakhe omnandi.
Kusenjalo, uKwaaiman kulenyanga sikuyo uchongwe kwimbasa zomculo ezibizwa iZikomo Africa Awards, kwaye uchongelwe kudidi lwe-‘Best Zikomo Song Collaboration of the Year’ kunye nakudidi lwesibini i-‘Best Zikomo Rising Star of the Year’.
Oku ke kubonakalisa ukuzinikela kunye nokuyithanda into ayenzayo, kwaye ungakungqina oku ukuba uyayazi indlela ayihambileyo kwezomculo nolonwabo ngoba apha ku2024 ugqibezela iminyaka engapha kwesithandathu ukuba ayikho ngaphezulu ekulo msebenzi lokonwabisa ngomculo kunye nokudanisa.