IiNkokheli zoMthonyama kulutsha zifumene amaBhaso kuthweso-zidanga lwePALI ngomhla wama-27 kweyoMqungu ngowama-2024.
Kugcwele imincili novuyo kwi African Young Indigenous Leaders (AYIL) emva kokuba iiNkokheli zeMveli yamaAfrika zikuthweswa izidanga zePan African Leadership Institute ngempelaveki.
Abathe baxhamla kwelitheko kuquka kubo Obekekileyo uNkosi Sizwe Dlamini weSizwe saseNhlangwini, uNdlunkulu wakhe uNkosazana uGqirha Nikiwe Bam uMseki noMongameli weHlabathi weeNkokheli zeMveli yamaAfrika, uNks Tholang Tseka waseLesotho, uNks Selma Nasheya waseNamibia, uNksk Tsholofelo Mokotedi waseMzantsi Afrika nabanye abaphuma kumazwe ahlukeneyo.
Uthweso-zidanga lwenziwe kwiDyunivesithi yaseGhana eAccra.
Inxalenye yezinto ezibalulekileyo kukufumana iMbasa yeNgqonyela nguKumkani uNkosi uSizwe Dlamini ngomsebenzi wakhe ogqwesileyo kwizifundo zePersonal MBA, ebonakalisa ukuzinikela, ukuthobeka kulo lonke eli. “Siyavuyisana noNgangezwe lakhe ngempumelelo enkulu kangaka kunye nembeko efunyenwe kwihlabathi jikelele.
Sisiqalo nje sezinto ezintle kakhulu zeeNkokheli zeMveli yamaAfrika, ekuzibopheleleni kokuxhasa abalawuli bomthonyama, uluntu lwabo kunye nokwakha iiNkokheli zePan African ezomeleleyo ezizimisele ekuManyaniseni iiKumkani zaseAfrika.” ivale yatsho i AYIL







