24.1 C
King William's Town
Tuesday, December 3, 2024

Zivaliwe izirhoxo eziyi-12 kumasipala waseMakhanda naseNdlambe.

IPhulo lemisebenzi eyahlukahlukeneyo eliqhutywe yiSAPS yaseMakhanda naseNdlambe libangele ukuba kuvalwe izirhoxo ezilishumi elinesibini (12) kunye nokutshatyalaliswa kwemveliso yokutya esele iphelelwe lixesha. Kudityanisiwe ishumi elinesibini lamawaka eerandi kwizohlwayo ngenxa yokungathotyelwa kwemithetho.

USodolophu oLawulayo kuMasipala waseMakana, uCeba ohloniphekileyo uYandiswa Vara, ekunye namalungu ahloniphekileyo eKomiti kaSodolophu waseMakana kunye noMasipala waseNdlambe baxhase iqela eliye laqhuba uhlolo lokuthobela umthetho kwizirhoxo ezilishumi elinesibini.

Lo msebenzi ubandakanya amaGosa kaMasipala aphantsi kweSebe lezoMlilo, ezeNdlela, iMpilo yokuSingqongileyo, abaHloli beZakhiwo, abaFudukeleyo, iSebe loMbane likaMasipala kunye
noMkhuseli wabaThengi we-Ofisi yoMmandla yeSarah Baartman, iSebe loPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo kunye noKhenketho.

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman uMajor General Zolani Xawuka ukwamkele ukuzibophelela kwabo bobabini oomasipala ababambisene neSAPS ekunyanzeliseni umthetho. “Sisonke singenza uluntu lukhuseleke kwizigulo nasekufeni kuba ukutya kutyhefekile,” uvale ngelo uMajor General Zolani Xawuka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
60 %
6.2kmh
40 %
Tue
21 °
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
28 °
Sat
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks