12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Zonke iindlela zizakube zisingise eChintsa kule mpelaveki.

By Sophumelela Singqota.

IChintsa ikulungele ukusingatha uMnyhadala wesibini (02) weWild Coast Cap Classique, umsitho wokubhiyozela eyona wayini igqwesileyo eMzantsi Afrika iMethode Cap Classique, ngomhla wesithathu (30) kweteThupha 2025, eBirkview Lodge, eChintsa.

Lo mnyhadala uthembisa ubumnandi, neendwendwe zithenjiswe ukonwabela ukungcamla kukhetho olugcinweyo lweendidi ezikhokelayo zeCap Classique eziququzelelwe yiMeridian Wine Distributors, kuquka uSimonsig, uPierre Jourdan, uDe Grendel, uStellenrust, uKen Forrester, kunye neZardetto yase-Italy.

Esi siganeko siya kukhatshwa ngumculo wamagcisa akuluhlu lwamagcisa oMzantsi Afrika kunye naphesheya, ukutya okumuncisa iinthupha, kunye nomoya opholileyo obonisa umtsalane we-Wild Coast kunye nethuba lamashishini asekhaya ukuba abonise iimveliso zawo kubathengi bethu.

Umfanekiso: Imvumi yoMculo weAfro-Soul, uIkhona.

Omnye wamagcisa azakube eyinxalenye yalo msitho yingqalabutho, nguVusi Mahlasela, oneMbasa yoMculo eMzantsi Afrika iLifetime Achievement Award, uza kuba ngundaba-mlonyeni kulo msitho. Uzakube ekunye neentshatsheli eziquka uIkhona intombi eyazalelwa eNgqeleni eyaziwa ngokucula iAfro-soul , uNcumisa Garishe, nemvumi yeJazz uNatalia Rungan. Lo msitho uzakube udlalwa nguDJ Groovie Christ womculo weVangeli kunye noDj Welo.

“Umbono walo mnyhadala ubangelwe kukuthanda ukungapheleli nje ekubhiyozeleni ubugcisa obumangalisayo babenzi bewayini boMzantsi Afrika kodwa nokudala ezoqoqosho nenkcubeko kwingingqi yethu,” utshilo umnini weBirkview Lodge, uNksz Nontutuzelo Sibango.

“Lo mnyhadala sisikhumbuzo kwabasetyhini abathe gqolo bedlala indima ebonakalayo ekukhuleni nasekuzinzeni koshishino lwasekhaya lokwamkela iindwendwe kwaye ukwangumqondiso wokuzinikela kwethu ekwakheni imbonakalo yokhenketho edlamkileyo nequkayo eMpuma Koloni, ngakumbi kwingingqi yaseWild Coast.”

Umanejala weprojekthi yomsitho uSinethemba Gayiza uphawule ngemeko yokulungela kwayo, “Siyavuya ukuqinisekisa ukuba onke amalungiselelo akwishedyuli, kwaye le ndawo iguqulelwa ekubeni ibe libala lomnyhadala elimangalisayo.

Umfanekiso: Imvumi yoMculo weOpera, uNcumisa Garishe.

“Umculo uyinxalenye ebalulekileyo yamava omnyhadala. Injongo yethu kukudala umoya ohambelana nobuhle beCap Classique. Uluhlu lomculo olugciniweyo lubandakanya umxube wabaculi abaziwayo nabasakhasayo abazandi zabo ziza kubonelela ngemvelaphi egqibeleleyo yosuku. Siqinisekile ukuba ukudibanisa kwewayini emnandi, ukutya okumnandi, kunye nomculo ongaqhelekanga kuya kwenza umcimbi ongalibalekiyo,” utshilo umlawuli womnyhadala uPapama Mnqandi.

UMnqandi uthe umxholo walo nyaka uthi ‘Champagne Hues,’ “ukhetho oluvotelwe ngabaxhasi balo mnyhadala ngokusebenzisa amaqonga onxibelelwano” kwaye bubungqina bokuba kukho indawo yokuthengisa kwabo bathanda ulonwabo kweli phondo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks