By Siphiwo Boqwana.
Zophuliwe iintliziyo zabadlali nabalandeli beMamelodi Sundowns phezolo emva kokubethwa kumagqibela kankqoyi weNdebe yeCAF Champions League kumlenze wesibini ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) eCairo, eYiputha bebethwa liqela lalapho iPyramids.
IPyramids ziinjinga ezintsha zeCAF Champions League kulonyaka ka2025. Ukhumbule ukuba la maqela mabini adlale ngokulingana ngenqaku elinye macala (1-1) kumlenze wokuqala (1) apha eMzantsi. Ngokudityaniswa kweziphumo zemilenze yomibini iPyramids iphumelele inkwenkwezi oko kuqala oko yathi yasekwa ngonyaka ka2018 ngokubetha iqela elinamava iMamelodi Sundowns.
NguAhmed Samy noFiston Mayela abafake amanqaku ePyramids laze elokubika ekhaya lamasandawana lafakwa nguAqraam Rynners. ISundowns igqibele ukuyiphumelela le Ndebe ngonyaka ka2016.
Kungoku nje iSundowns idlale kakuhle kule sizini yaphumelela iligi eMzantsi okwesibhozo (8) amatyeli elandelelana yangena kumagqibela kankqoyi kuleChampions League, ibe isiya nakwindebe yehlabathi. Nangona kunjalo kukho abathi makahambe uMiguel Cordoso nonguMqeqeshi weSundowns kubuyiswe uRhulani Mokoena. Ukhumbule ukuba kugxothwe abaqeqeshi ababini (2) kwafika uCardoso noye kwanyanzeleka ukuba adlale ngabadlali abakhoyo.

