By Nontlantla Meji
Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu kwikhampasi yaseMonti bebedibene kumnyhadala obujolise ukubhiyozela ubomi kunye nelifa lowayesakuba litshantliziyo elalichasene nocalucalulo, uWalter Sisulu, ekuthiywe ngaye eli ziko le mfundo, oku kwenzeke ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMsintsi.
Lo msitho, ububanjelwe ukubhiyozela iNyanga yaMafa, awugcinanga nje ngokuhlonipha ubomi bukaSisulu kodwa ubonakalise nembali yale dyunivesithi kunye nendima yayo ekoyiseni ilifa lengcinezelo yocalucalulo.
Kumboniso odlamkileyo wobunye kunye nokuzingca ngenkcubeko, abafundi baye banxiba imibhaco yabo yemveli, lo mnyhadala uqhube ngoMvulo wagqibezela ngoLwesibini.
Lo msitho, obizwa ngokuba yiXhamela Cultural Festival, isithwalandwe, ubujonge ukunika abantu abatsha iqonga lokuziveza ngobugcisa nenkcubeko yabo. Abafundi babone abathathi-nxaxheba abaphuma kwiinkcubeko ezahlukeneyo bedibene ukuza kuhlonipha igalelo likaSisulu kumzabalazo wenkululeko yoMzantsi Afrika.
Abazimasi bebexhentsa benxibe imibhaco, bebonisa ngemveli yabo ngemidaniso yemveli yamaZulu, amaXhosa, abeSotho, neminye imidaniso yemveli.
Abafundi nabo bathatha inxaxheba kufundo lwemibongo, ukubalisa amabali, kunye nemidlalo yeekwayala, ngelixa besongelwe ngeengubo ezifudumeleyo kunye neetyali zesint.
Iintsimbi zomqala ezinemibala eqaqambileyo, iiqhiya zentloko, kunye neemibhaco zibonakalisa ukwahluka kweengcambu zabafundi, ngelixa isandi samagubu, ukucula, kunye nezikhalo bezivakala kwikhampasi yonke.
Umququzeleli walo msitho uVuyiseka Sizani, ucacise ukuba lo mnyhadala sisikhumbuzo sikaSisulu neqonga labafundi lokuvakalisa ubuchule babo besebenzisa ubugcisa nenkcubeko.
“Ngalo msitho, siwonga itshantliziyo, utata Walter Sisulu, ekuthiywe ngaye idyunivesithi yethu, siseke iqonga apho abafundi abathatha inxaxheba kumaqela obugcisa bokuyila bazakufumana ithuba lokubonisa izakhono zabo phambi kwenginginya,” utshilo uSizani.
“Sima emagxeni eengxilimbela ezifana noWalter Sisulu, ngale mibhiyozo sigcina umoya wakhe nomyalezo wakhe uphila,” wongeze watsho uSizani.
Lo msitho unike iqonga kubafundi ukuba banganikeli nje imbeko kwiqhawe lesizwe kodwa banxibelelane nenkcubeko yabo kwaye bafunde omnye komnye kwimeko yelifa lemveli ekwabelwanwa ngalo.
Lo mbhiyozo ibingengowokuhlonipha uSisulu kuphela, kodwa ubesisikhumbuzo selifa elikhethekileyo lale yunivesithi. Ukusukela kwimvelaphi yayo kumzabalazo wokulwa ucalucalulo, ukuya kutsho ngoku njengeziko eliphambili eMpuma Koloni, iWSU imi njengobungqina boloyiso lwemfundo phezu kwengcinezelo.