By Esona Magawana
UNkokheli Twabu, owaziwa kakhulu kumajelo eendaba nolonwabo njengoVolo Da Saint, uswelekile ngentsasa yayizolo umhla we16 KweyeNkanga 2025.
Ubandakanyeke kwingozi yemoto ku-N2 kufutshane nesikhululo seenqwelomoya i-King Shaka International,uye wafumana umonzakalo omkhulu ze kwathiwa uswelekile kwindawo yexhwayelo.
UTwabu uzalwe wakhulela kwidolophu yase Mbizana, eMpuma Koloni,ebenamava njengomnxibelelanisi wentengiso nemisitho.Waziwa kakhulu ngokuba ngumnxibelanisi omkhulu weKhonsathi yeHomage ebanjelwa kwidolophu yaseMbizana kunye neMargate AllWhite Event.
Iinkcukacha ezithe vetshe malunga namalungiselelo omngcwabo nesikhumbuzo kulindeleke ukuba zibhengezwe kamva lusapho.

