By Esona Magawana
Usomashishini waseMntla Ntshona uBrown Mogotsi kulindeleke ukuba anike ubungqina ngokungenelela kwezopolitiko kwinkonzo yesiPolisa phambi kweKomishini kaMadlanga namhlanje.
UMogotsi utyholwa ngokusebenza njengomjelo phakathi koMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu kwakunye no Vusimuzi “Cat” Matlala.
Oyena ndoqo wolu phando libango lokuba uMogotsi wacela i-R500,000 kuMatlala ukuze axhase ngemali yokukhwela inqwelomoya kunye nendawo yokuhlala yamalungu asibhozo (8) e-ANC awayezimase umsitho wokunyusa ingxowa-mali phambi kwemibhiyozo yombutho ngomhla we 8 KweyoMqungu eKapa. Njengembuyekezo yoku UMogotsi utyholwa ngokunika uMatlala ubuntlola bamapolisa. Ushicilelo olwenziwa ngaphambili kule komishoni lunelizwi, ekukholeleka ukuba lelikaMatlala, elichaza ukuba le mali yanikezelwa ukuxhasa iphulo lokuba uMchunu abenguMongameli. UMchunu uye wakuphika ukunxulumana ngokusondeleyo noMogotsi, esithi umazi “njengeqabane” kuphela. UMogotsi ukwayanyaniswa nowayesakuba yintloko kaMchunu, uCedric Nkabinde.
I-ANC izamile ukuzikhwebula kulo mkhwa uqhubayo, ngelithi ubulungu buka Mogotsi buphelile. UMogotsi uyaliphikisa eli bango, esithi uselilo yena ilungu.

