IMotsepe Foundation inika inkxaso-mali kwiiprojekthi zoluntu

Umseki noSihlalo weMotsepe Foundation uGqirha Patrice Motsepe uthi akukho mmi ufanelwe kukubandezeleka ngenxa yokunyuka kweendleko zokuphila nokunyuka kwamanqanaba entlupheko athe gqolo ukutshabalalisa uluntu lwasemaphandleni nasezilokishini.

ISiseko sibambisene neAfrican Rainbow Minerals ibambe umsitho wonyaka wokwabiwa kwezipho eSandton, kumantla eRhawuti.

Abamkeli, abaquka izindlu zasebukhosini, iMibutho eSekelwe kwiNkolo kunye nemibutho yabucala, bafumana izipho ezizezemali.

Oku kuya kusetyenziswa kwiiprojekthi zabo zokuphakamisa abantu abahluphekayo nabahlelelekileyo kwiindawo abahlala kuzo.

UMotsepe uthi iFoundation inoxanduva olukhulu lokuphinda kabini iinzame zayo zokulwa indlala kodwa urhwaphilizo lusengumceli mngeni.

“Ayikho malunga nemali kodwa imingeni yelizwe lethu mikhulu. Ngokungathi abanelanga, sinezigidi zabantu abangaphangeliyo. Sineengxaki zokucinywa kombane, iingxaki ezimandundu zorhwaphilizo, imingxunya ezindleleni kunye nezinye ezohlukeneyo. Kufuneka sijongane nazo.”

USiyalithatha Mzaidume ufumene umnikelo egameni lobukhosi baMapondo eMpuma Koloni ophuma kwi Motsepe Foundation.

‘IMotsepe Foundation iyibeke yacaca kuBukumkani baMapondo ukuba ifuna ukubona sisenza iinkqubo ezizinzileyo zokusenza sizimele, sihlukane nokuxhomekeka kurhulumente siyeke ukuxhomekeka komnye umntu, ukuze konke kuphakanyiswe. iinkqubo esifuna ukuzenza, singakwazi ukuzenza ngaphandle kwemida. ”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA