Amapolisa aseRhawutini abambe abantu abali-13 malunga nolwaphulo-mthetho olunxulumene neNgqungquthela yeeNkokheli ze-G20.

By Esona Magawana

Amapolisa aseRhawutini abambe abantu abalishumi elinantathu (13) malunga nolwaphulo-mthetho ngexesha leNgqungquthela yeeNkokheli zeG20. Oku kubhengezwe kwindibano noonondaba yasemva kwe-G20 ngolwesibini umhla we-25 kweyeNkanga 2025.

Aba babanjiweyo baquka amalungu amabini ombutho wezopolitiko obungundaba-mlonyeni i-Operation Dudula nababotshwe ngenxa yokungena ngaphandle kwemvume kwiziko iNasrec Expo Centre eRhawutini. Kwabanjwa amadoda amane (4)ngokuphanga iifowuni zabathunywa baseVietnam kunye nezinye izinto zabo eSandton.

Ngaphandle kwezo ziganeko, urhulumente waseGauteng uthe le ngqungquthela ibe yimpumelelo engathethekiyo. Ethetha kwindibano noonondaba emva kweG20 eRhawutini ngoLwesibini, uMkomishinala wamaPolisa ephondweni uTommy Mthombeni uthe ukuvalwa kwendlela kunye namanye amaphulo akhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababefunelwa ezinye izenzo zolwaphulo-mthetho.

“Phambi kwalo msitho ubaluleke kakhulu, iNgqungquthela yeeNkokeli [zeG20], sasibeke isicwangciso sesixeko esikhuselekileyo kwiphondo liphela kwizithili ezihlanu.Bekufuneka siqinisekise ukuba kukho imisebenzi eyenziwayo iveki neveki ukuze kuncitshiswe naluphi na ulwaphulo-mthetho kwiphondo liphela.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA