23.9 C
King William's Town
Wednesday, November 19, 2025

I-ANC ilindele ukuba uGigaba arhoxe emva kwezityholo zorhwaphilizo zakwaTransnet

By Esona Magawana

Owayesakuba nguMphathiswa wamaShishini oLuntu uMalusi Gigaba kulindeleke ukuba arhoxe kumsebenzi we-ANC emva kokuchongwa ngokusesikweni ngorhwaphilizo oluyanyaniswa neprojekthi yokuthengwa kukaloliwe kwaTransnet exabisa iR54 bhiliyoni.

UGigaba uvele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yasePalm Ridge ngoLwesibini, nalapho
kuqinisekisiweyo ukuba ungumtyholwa wesihlanu kweli tyala. Lo mba uhlehliselwe umhla we-30 KweyoMqungu 2026 ukuze kubhengezwe idokethi zekufakwe izimangalo ezisemthethweni.
Ezi ntlawulo zinxulumene neethenda ezintathu zikaloliwe ,95,100 kunye ne-1,064 yeeyunithi ezinikezelwe phakathi konyaka ka 2010 no2014.

UGigaba ujoyina uBrian Molefe, Siyabonga Gama, Anoj Singh noThamsanqa Jiyane, ababanjwa ekuqaleni kwalo nyaka bakhululwa ngebheyile,kwaye naye ukhululwe ngesilumkiso.

UNobhala Jikelele we-ANC uFikile Mbalula uthe umbutho ulindele ukuba uGigaba athobele umgaqo othi makabeke ecaleni, ovalela amalungu ukuba athathe inxaxheba kwizinto zombutho.

“Ukuba uMalusi utyholwa ngobuqhophololo kufuneka arhoxe, uya kuyenza loo nto ngokuzithandela,” utshilo uMbalula ngethuba ethetha noonondaba, esithi lo mbutho ulindele imbalelwano esesikweni evela kuGigaba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
23.9 ° C
23.9 °
23.9 °
40 %
5.7kmh
69 %
Wed
24 °
Thu
26 °
Fri
27 °
Sat
27 °
Sun
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks