Indoda etyholwa ngokubulala iqela labantu izakuvela enkundleni ngoLwesihlanu.

By Nyameka Lamani

Ibanjiwe indoda eneminyaka engamashumi amabini(20) ubudala malunga nokudubula abantu abaninzi eWestbury okubangele ukubhubha kwabantwana ababini(2) abafikisayo kunye nokwenzakala kwabahlanu(5). Umrhanelwa wavalelwa ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anethoba kweyeDwarha, emva kokuba amalungu ecandelo elijongene nemigulukudu(Anti-gang unit) afumene intluva kwicandelo lezobunhloli(crime intelligence unit)kulwaphulo-mthetho malunga nendawo umrhanelwa akuyo.

Ngokokutsho kukaBrigadier Brenda Muridili, amapolisa athathe amanyathelo ze afumana umrhanelwa kwisikolo samabanga aphakamileyo eDiepkloof, nalapho athe wachongwa wabanjwa.

Uza kuvela kwiNkundla kaMantyi eRhawutini ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amathathu ananye(31) kweyeDwarha 2025. Uphando lusaqhuba nanjengoko amapolisa ezama ukufumana abanye abarhanelwa ababandakanyekayo kwesi sehlo.Kumaxhoba amahlanu enzakeleyo, ababini sele bekhululwe esibhedlele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.1 ° C
13.1 °
13.1 °
84 %
2.8kmh
19 %
Mon
13 °
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA