15.4 C
King William's Town
Thursday, November 6, 2025

Isihlanu sabasebenzi bezonyango olungxamisekileyo ebesivele enkundleni ngomhla wesine kweyeNkanga ngetyala lokungenisa iziqinisekiso zeMatriki zomgunyathi kulindeleke ityala labo liqhube ngeyoMqungu ka 2025

By Nyameka Lamani

Abasebenzi bezonyango olungxamisekileyo abahlanu(5) bebevele enkundleni ngomhla wesine(04) kweyeNkanga ka-2025, ngokungenisa iziqinisekiso zomgunyathi zeMatriki ukuze bafumane imisebenzi njengabancedisi beAmbulensi ngo-2015. Aba basebenzi basuka kwiSithili saseJoe Gqabi.

Eli tyala laqala ngenyanga yoKwindla ngo2023 ngethuba isebe libhalisa elityala kwisikhululo samapolisa eBhisho.Yayiziswe yikomishoni yenkonzo karhulumente kunye nabakhuseli boluntu emva kokuba umceli wengxelo(whistleblower)ebike ngalo mba kuzo zombini ii-ofisi.

Ekuqaleni, abasebenzi ababandakanyekayo babebathandathu(06), kodwa omnye wabo wavuma ukuba unetyala waza warhoxa, nto leyo eyakhokelela ekugwetyweni kwakhe. Inkundla yoluleko yafumanisa ukuba esisihlanu sishiyekileyo sinetyala, kodwa bakhetha ukufaka isibheno kwizigwebo zabo. Eli tyala limiselwe ukuqhubekeka ngomhla wamashumi amabini ananye(21)ukuyakutsho ngomhla wamashumi amabini anesithathu(23) kweyoMqungu ka 2026.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
87 %
4.6kmh
99 %
Thu
15 °
Fri
25 °
Sat
31 °
Sun
27 °
Mon
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks