Ugwetywe iminyaka elishumi (10) u-Agrizzi, yaze yaxhonywa iminyaka emihlanu ngezizathu zengulo

Owayesakuba yi-COO yaseBosasa u-Angelo Agrizzi ugwetywe iminyaka elishumi (10) yonke eye yaxhonywa iminyaka emihlanu.

Lo ka Agrizzi utyikitye isivumelwano sokuvuma ityala noRhulumente ngenxa yempilo yakhe embi.

U-Agrizzi ebejongene namatyala orhwaphilizo kunye nokuhlanjwa kwemali ngenxa yendima yakhe kwimicimbi engathandekiyo kaBosasa norhulumente.

Ityala lakhe ligqityiwe kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli.

Owayesakuba yi-coo yaseBosasa ebengekho kwimicimbi yenkundla ngokwenyama kodwa ubonwe kwiscreen elele ebhedini yakhe enemibhobho empumlweni.

Emva kokuphonononga nokubuza imibuzo emininzi, uJaji uPapi Mosopa uvumile isivumelwano sokuvuma ityala ngemiqathango engqongqo.

Ukutshintshiselana ngenkululeko yakhe, u-Agrizzi kuya kufuneka asebenzisane neGunya-bantu lezoTshutshiso likaZwelonke (i-NPA) kuphando, kwaye angqine inyaniso nxamnye nomtyholwa kumatyala enkohlakalo anxulumene neBosasa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA