Isihlanu sabasebenzi bezonyango olungxamisekileyo ebesivele enkundleni ngomhla wesine kweyeNkanga ngetyala lokungenisa iziqinisekiso zeMatriki zomgunyathi kulindeleke ityala labo liqhube ngeyoMqungu ka 2025

By Nyameka Lamani

Abasebenzi bezonyango olungxamisekileyo abahlanu(5) bebevele enkundleni ngomhla wesine(04) kweyeNkanga ka-2025, ngokungenisa iziqinisekiso zomgunyathi zeMatriki ukuze bafumane imisebenzi njengabancedisi beAmbulensi ngo-2015. Aba basebenzi basuka kwiSithili saseJoe Gqabi.

Eli tyala laqala ngenyanga yoKwindla ngo2023 ngethuba isebe libhalisa elityala kwisikhululo samapolisa eBhisho.Yayiziswe yikomishoni yenkonzo karhulumente kunye nabakhuseli boluntu emva kokuba umceli wengxelo(whistleblower)ebike ngalo mba kuzo zombini ii-ofisi.

Ekuqaleni, abasebenzi ababandakanyekayo babebathandathu(06), kodwa omnye wabo wavuma ukuba unetyala waza warhoxa, nto leyo eyakhokelela ekugwetyweni kwakhe. Inkundla yoluleko yafumanisa ukuba esisihlanu sishiyekileyo sinetyala, kodwa bakhetha ukufaka isibheno kwizigwebo zabo. Eli tyala limiselwe ukuqhubekeka ngomhla wamashumi amabini ananye(21)ukuyakutsho ngomhla wamashumi amabini anesithathu(23) kweyoMqungu ka 2026.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA