17.6 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

Kufunyenwe iziyobisi kwaze kwabanjwa nabarhanelwa abane kuhola wendlela u-R102.

Ukuhanjiswa kweziyobisi kwiSithili saseSarah Baartman kuphazanyiswe ngamalungu eCandelo loThintelo loLwaphulo-mthetho eHumansdorp awayekwipatroli kuhola we-R102 ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uKapteni Marius McCarthy, malunga nemizuzu engamashumi amathathu emva kwentsimbi yokuqala malanga ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi, amalungu aphantsi kweCandelo loThintelo loLwaphulo-mthetho eHumansdorp ayejikeleza kuhola wendlela (R102) ngethuba efumana ulwazi lokuba isithuthi esimhlophe sakwaHyundai esingise eHumansdorp sithutha iziyobisi.

Uthi la malungu abone imoto emhlophe yohlobo lweHyundai aza azama ukumisa isithuthi kodwa zange sime, amapolisa aleqa le moto ngoncedo lweZiko leNkonzo yoLuntu.

“Abarhanelwa ababini batsibe kwisithuthi esihambayo ngaseBoskloof, saze isithuthi saphuma endleleni njengoko abanye abarhanelwa ababini betsibela ngaphandle kwesithuthi. La magosa akwazile ukubabamba bobane abarhanelwa ze bathi xa begqogqa isithuthi kwafunyanwa iibhegi ezimbini ezineepilisi zeMandrax eziliwaka namakhulu amathandathu ezixabisa malunga namashumi alithoba anesithandathu amawaka eerandi,” utshilo uMcCarthy.

Uthe abarhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngomhla wamashumi amabini anethoba kuTshazimpuzi.

Umkomishinala weSithili saseSarah Baartman uMajor General Zolani Xawuka uwaqhwabele izandla amagosa abandakanyekayo ngomsebenzi oncomekayo owenziweyo ekuqinisekiseni ukuba kuhluthwa iziyobisi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
17.6 ° C
17.6 °
17.6 °
91 %
2.9kmh
42 %
Fri
19 °
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
32 °
Tue
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks