By Siyakholwa Vuso.
Ngokwengxello yeqela loo nogada beemoto ababone umthi omkhulu usiwa kwi-BMW emhlophe kwisitalato i-Allen ngale njikalanga bathi, “Ibingathi sibukele iBioskop.
Kwimizuzwana nje emva kokumisa imoto yakhe emhlophe yohlobo lwe-BMW 330i, uSabhi Shahzad kunye nabakhweli bakhe ababini baye bothuka njengoko umthi uwela kwisithuthi sabo, kophuka ifestile yakhe yangasemva.
Esangcangcazela kumothuko, u-Shahzad, enenyembezi uthe umasipala kufuneka aphendule ngomonakalo kunye nomothuko athe wadibana nawo nabakhweli bakhe.
Umqhubi omncinci emva koko wakhweliswa kwiveni emhlophe yeFord Ranger yokuHlangula eCaleni kweNdlela, isithuthi senkampani yeloli erhuqe imoto yakhe ukusuka kwindawo yexhwayelo.
UKhanyisa Maqanda (20) ongunogada weemoto uthe: “Lo mthi ubuhexa ngenxa yomoya obhudla ngamandla kwathi kanye xa imisa la moto lo mthi wawela phezu kwayo.”
Indlela iye yavalwa okwethutyana kwaye igosa lomthetho kumasipala waseMakana libonwe likhomba indlela izithuthi kude kwesi sehlo. Itrektara enenqwelwana yayisecaleni komthi owileyo, lo gama abasebenzi bakamasipala abaliqela babebonwa besebenzisa iisarha zamatyathanga, begawula umthi owileyo baze balayisha iziqwenga zawo kwitrektara.
Kusenjalo, kuvakala ukuba umoya ovuthuzayo uwise iipali zombane kwiindawo ezohlukeneyo eMakhanda kwezi yure zimbalwa zidlulileyo, nto leyo ekhokelele kukungabikho kombane kwiindawo ezininzi.
Kumaqela ohlukeneyo onxibelelwano, abahlali bebenika ingxelo yokuqhawuka kombane kwiindawo ezininzi edolophini.
Ngokwengxelo yomnye umpapasho, umbane uye wabuyiselwa kwezinye iindawo.
“Umbane ubuyiselwe ngoku e-Oatlands North, eSomerset Heights, kwiindawo ezithile ze-Kingswood naseVergenoeg kuphela. Ngabaxumi bakwaEskom Direct kuphela abangazange baphelelwe ngumbane.
Kusekho: i-Hill 60, West Hill, Industrial area, Waainek, Military Base, CBD, Oatlands, Cradock Heights, Currie Park, iinxalenye zendawo yaseKingswood, Sunnyside & Stones Hill.
IMakhanda ijonge imozulu embi ngakumbi njengoko umoya ovuthuzayo kunye neengqele ziqikelelwa namhlanje.