IPalamente iyakwamkela ukubhengezwa kokuqeshwa kwebhodi yeSeta

By Asemahle Mbete.

Ukuthobela kukaMphathiswa uNobuhle Nkabane kuza emva koxinzelelo oluthe gqolo oluvela kwiKomiti yesebe lezemfundo ephakamileyo.

Usihlalo wekomiti yesebe lezemfundo ephakamileyo uTebogo Letsie ukwamkele ukungeniswa kwembalelwano evela kumphathiswa wemfundo ephakamileyo kunye noqeqesho uNobuhle Nkabane, equlathe amagama amalungu egqiza atyunjelwe ukongamela uchongo nezindululo zoosihlalo beCandelo lezeMfundo kunye noQeqesho (Setas).

Kwingxelo ekhutshwe yile komiti, uLetsie uthe “Siyavuya kuba izinto zide zahamba ngendlela kwaye nomphathiswa uwenzile lo myalelo, ikomiti ikholelwa ukuba oku kubhengezwa bekufanele ukuba kwenzeke kwasekuqaleni.”

Ukuthobela kuka mphathiswa kuza emva koxinzelelo oluthe gqolo oluvela kule komiti, isithi iPalamente inelungelo ngokomgaqo-siseko lokwazi ukuba ngubani onyulelwe ukwenza lo msebenzi ubalulekileyo kulawulo lweSetas.

ULetsie uphinde wathi “Sisebenzisana namaziko karhulumente afumana inkxaso-mali ngesabelo-mali sepalamente. Ngoko ke ibibhida into yokuba ikomiti ikhumbuze ngokungqongqo umphathiswa ngemfuneko esisiseko yokuphendula kwinkqubo yethu yolawulo lwedemokhrasi.”

Amalungu ephaneli, njengoko engeniswe ngumphathiswa, ngala, u-Advocate Terry Motau SC ongusihlalo, nangona ikomiti iqaphele ukuba akazange aye kuyo nayiphi na iintlanganiso, Asisipho Solani, Nelisiwe Semane, Mabuza Ngubane kunye no Rhulani Ngwenya.

ULetsie uqinisekisile ukuba ikomiti ngoku iza kudlulela kwinqanaba elilandelayo lokongamela. “Ikomiti ngoku iza kuthethana nomphathiswa ngakumbi ngeenkqubo ezilandelwayo xa kuchongwa oosihlalo abaza kukhokhela iiSeta ezingamashumi amabini ananye (21) zaseMzantsi Afrika,” utshilo.

Ii-Setas ngamaqumrhu karhulumente anoxanduva lokukhuthaza uphuhliso lwezakhono noqeqesho kumacandelo ngamacandelo oqoqosho. Ingxwabangxwaba malunga nokuqeshwa kwebhodi yaqala xa kwakuphakanyiswa inkxalabo ngokubekwa elubala nezityholo zomkhethe wezopolitiko kwinkqubo yokuqala yokhetho.

IPalamente kulindeleke ukuba iphinde iphonononge iinkqubo ezilandelwayo ukuqinisekisa ukuba ziyahlangabezana nemigangatho yolawulo neenqobo ezisesikweni.

Ingxelo ekhutshwe lisebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho ithi uNkabane ukulungele ukuphendula kwikomiti ejongene nezikhundla nokuqhubeka nezicelo zolwazi malunga noku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
35 %
6.3kmh
39 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA