I-NPA iyichasile ngempumelelo ibheyile ekubulaweni komama nentombi yakhe, eWalmer.

By Asipile Kitchen.

IGunyabantu lezoTshutshiso liphumelele ukuchasa ibheyile kaNceba Maji (44) ojongene nezityholo zokuqulunqa iyelenqe lokubulala, ukuzama ukubulala kulandela isiganeko sokudutyulwa kwabantu babhubhe kwikhaya laseWalmer eGqeberha, ngomhla wokuqala (01) kweyoCanzibe 2025.

UMaji utyholwa ngokucwangcisa uhlaselo olubangele ukubhubha kukaLusanda Thunywashe (40) kunye nentombi yakhe uHailie-Jade Coboza (19). Ababini atyholwa nabo uMaji, uSibulele Mzilikazi (28) noSiyabonga Ntswahlana (35), baye bazishiya izicelo zabo zebheyile.

Ngethuba lokuxoxwa kwetyala lebheyile, uMbuso, omelwe nguMtshutshisi weNkundla yesiThili uAsavela Dweba, umi ngelithi uhlaselo lwalucwangcisiwe kwangaphambili kwaye luyanyaniswa nengxabano kushishino lweeteksi. Umtyholwa utyholwa ngokwenza iyelenqe nabaqeshwa ukuba babulale umqhubi weteksi owayekhuphisana naye kodwa icebo labo lakhokelela ekubhubheni kwenkosikazi nentombi yakhe endaweni yoko. UDweba uhambise ngelithi uMaji uyingozi ngenxa yobuzaza bezityholo kwaye kubekho isigwebo eside ukuba ufunyenwe enetyala.

Ngaphaya koko, uDweba ubambelele ekubeni ityala elijongene noMaji, lixhaswa bubungqina obubambekayo obuquka iziphumo zophando lwasenkundleni, iingxelo zamangqina, imifanekiso yevidiyo, ukuvuma kwabo, kunye nezinto eziphathekayo ezifunyenwe ngexesha lophando.

UMbuso ukwami ngelithi ukukhulula umtyholwa ngebheyile ayibobulungisa kwaye kuyawuba yingozi kukhuseleko loluntu namangqina.

Lo mba umiselwe umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala 2025, apho umtyholwa azovela ecaleni kwabo atyholwa nabo.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) liyasamkela isigqibo senkundla sokungayivumi ibheyile yomtyholwa wetyala lokubulawa kukamama nentombi yakhe eWalmer. Le nkcaso iphumeleleyo yomeleza ukuzinikela okungagungqiyo kwe-NPA ekubekeni phambili ukhuseleko lwamaxhoba asesichengeni kunye nokuxhasa umthetho kumatyala aquka ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini.

Ukugcina umtyholwa eziseleni kubonakalisa ubunzulu bezityholo kwaye kuqinisekisa ukuba ubulungisa buyaqhubeka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA