Abazali nootitshala bamakhulu abafundi baseGqeberha abanokuthi baphoswe kukuthatha inxaxheba kukhuphiswano lokuzilolonga ngenxa yokusilela kwenkxaso-mali, bavakalise umsindo kwabasemagunyeni kwezemfundo eMpuma Koloni.
Imiqobo yesicwangciso-mali ikhokelele ekubeni iSebe lePhondo liyirhoxise inkxaso-mali ebivunywe kwangaphambili yokuthatha inxaxheba kukhuphiswano lweWestern Cape Schools Marching Drill kulo Mgqibelo.
Isithethi seli Sebe uMalibongwe Mtima uthe ngenxa yokunqongophala kohlahlo lwabiwo mali kunyanzeleke ukuba kuphinde kwabiwe imali.
Kusenjalo, abazali, abanye babo abakwangootishala, badibene ngoLwesibini ukuzama ukufumana isisombululo, emva kweeyure ezilishumi elinanye lirhoxile iSebe.
Kwiingxelo uKoleka Ndzuta, utitshala nomzali womfundi kwiSikolo iCharles Duna Prayimari eNew Brighton, esinye sezikolo ezine ezikhethelwe olu khuphiswano.
Uthi “Ndinomsindo kakhulu,” watsho.
“Ngenxa yokuba umntwana wam wenze umzamo omkhulu kunye nokuzinikela okukhulu ukuba yinxalenye yale nto kwaye wafumanisa ngentsimbi yeshumi elinanye ukuba basenokungayi kuba isebe lirhoxile… Iyandikhathaza kakhulu kwaye ndinomsindo kakhulu.”
UBuyiswa Nombombo, omnye utishala nomququzeleli wenkqubo yoqeqesho lokumatsha kwesi sikolo uthe neeholide zesikolo bezinikezelwe kule nkqubo ukuze abantwana balungiselele iKapa.
UNombombo uthi kuye kwanyanzeleka ukuba baququzelele iyunifomu kwabo bantwana bangakwaziyo ukuzithengela, benyusa inkxaso, ukuze babonakale bebahle.
“Ndiziva nditsho njalo [kwaye] ndidanile kakhulu kuba senze umsebenzi onzima,” utshilo uNombombo.
Isithethi seli Sebe uMali Mtima uthe: “Isebe lenze inkqubo yohlengahlengiso olusekelwe kumanyathelo angqongqo nanjengoko imiba elolu hlobo ibekwe phantsi kwebhajethi yokuqinisekisa ukuba ukufundisa nokufunda akuthotywa phantsi.
“Asikwazanga ke ukuxhasa olu hambo ngemali. Siyayazi loo nto, kodwa asikwazi ukuyixhasa ngemali.