Igosa eliphezulu kumasipala ombaxa weBuffalo City (BCMM) elidutyulwe ngenjikalanga yangoLwesithathu lichongwe njengoNceba Ncunyana. Esisiganeko esibulale uManejala Jikelele walomaspala umbaxa senzeke kuhola wendlela uN2 ngaseNtabozuko (eyayisaziwa njengeBerlin) phakathi kweMonti ne-eQonce. Ukanti kukho iingxelo zokuba ukhe wahlaselwa kwiziganeko ezimbini ezidlulileyo. Ngenyanga yeThupha kunyaka ophelileyo, uNcunyana, owayeliBambela likaManejala wesiXeko ngelo xesha, wadutyulwa wonzakala engalweni ngethuba kuphuma amadoda awayexhobile kwiVW Polo aza adubula.
Umbutho woorhulumente basemakhaya kweli loMzantsi Afrika (SALGA) usigxekile isiganeko sikaNcunyana, sithe kwingxelo yabo bothukile sesi sehlo. “Ukubhubha kwakhe ngequbuliso kufike ngexesha apho uSALGA ebesoloko ecela icandelo lezokhuseleko ukuba liqinise umsebenzi walo wokuzisa bonke abo sele bebanjelwe ezi zenzo zimasikizi kwaye baphande ngokukhawuleza ezi ziganeko zokubulala,”. Lo mbutho uyibethelele inkxalabo yabo ngokwanda kwamanani okubulawa kwamagosa kamasipala kweli. USamkelo Ngwenya, othethela lo Maspala uthe abakho kwimeko yokuthetha ngalo mba ngenxa yobuzaza. Inkonzo yesipolisa isakhupha ingxelo malunga nokubulala.

