19.2 C
King William's Town
Saturday, April 13, 2024

Umbutho wotitshala kwiphondo leMpuma koloni iSADTU, Idiben’eBisho

Umbutho wotitshala kwiphondo leMpuma koloni iSADTU, kusuku lwanamhlanje iphehlelele ngokusesikweni inkqubo ejongene nokhuseleko kwanokunyevulela ukusetyenziswa kweziyobisi ezikolweni , nesihloko sayo “I AM A SCHOOL FAN”. 

LeNkqubo nebibanjelwe kwisikolo samabanga aphakamileyo iBisho High izakunwenwela nakwezinye izikolo nanjengoko ichonga abafundi abangamashumi amahlanu ukuncedisana neli phulo ezikolweni. 

Ngabafundi abangamashumi amahlanu(50) abathe bazuza ukuchongwa ze bawongwa ngamabhaso yinkampani.

Ethetha nonondaba usihlalo weSADTU kwiphondo uChris Mdingi ubongoze isebe lezemfundo ukuba lingenelele kweliphulo kuba kunotitshala abaphulukana nobomi babo ezikolweni, kananjalo nabafundi ezikolweni ngenxa yeziyobisi. Kulindeleke ukuba eliphulo lizakunwenwela nakwezinye izikolo ezilikhulu kwiphondo ngokubanzi.

Ingxelo:Yoliswa Khundulu

(Kumkani fm 95.8 Emonti)

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
43 %
3.7kmh
17 %
Sat
18 °
Sun
24 °
Mon
22 °
Tue
27 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks