Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, Intombi ezalwa kuCentane; uQhamisa Tengile (ongumsunguli wenkampani uTick Tock Mas’thethe) ibibambe umsitho kwilali yakuMacibe eBholo. Lo ibingumsitho wokuvula iingcango ze-Tick Tock Masthethe Skills Centre.
Le yindawo yokufundisa ulutsha lakuCentane neMnquma Municipality iphela ngezakhono mahala . Lo msitho ububabalwe bubukho beenkokheli ezisemagunyeni: uMphathiswa wezeNkuseleko kwizwelonke uHon. Zizi Kodwa , iLungu lePalamente ephondweni uHon. Nozibele Nyalambisa kunye noSodolophu weMnquma Municipality uHon. Sithembiso Ncethezo.
Lomcimbi ubukwazinyaswe ngabasemagunyeni kwizikhokelo solutsha: uMnu. Dalithemba Sihlali onguSihlalo weSouth African Youth Council (SAYC) ephondweni; Anelisa Zono onguMongameli weEastern Cape Youth Chamber of Business (ECYCB) kunye noMnu. Zubenathi Sopazi ongunobhala weMnquma Youth Forum. Uluntu beluphume ngobuninzi ukuzobhiyozela lo msitho, kumagingxigingxi ebekhona ulutsha luphume lukhuthazekile ukuba luphakama, luthathise koluhambo oluya empumelelweni. Sihlaba ikhwelo kulo lonke ulutsha lwaseMpuma koloni, sondela nganeno! UTTM uzenza idini ukuze uphuhle!
UTick Tock Masthethe ufundisa ulutsha ngezakhono ezincedayo ukuze abantu abatsha bakwazi ukuzimela ngomso. Bafundiswa ukubhaka, ukwenza inziph, ubuso nokuninzi.
“Uzoy’thola kanjani uhlel’ ekoneni?”


