17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Ziyabhengezwa ngentsimbi yesithandathu(6pm) kumajelo osasazo iziphumo(Grade 12)

uMphathiswa wesebe lezeMfundo esisiSeko kweli uNkos. Angie Motshekga, ebebambe ibrakfesi yokuwongwa kwabafundi abaqhube kakuhle kambe begqwesa kwizifundo zabo zebanga leshumi(Grade 12) eRhawutini namhlanje. Oku kuphambi kokuba zibe ziyabhengezwa ngokusesikweni iziphumo zebanga leshumi leshumi kumajelo osasazo.

Umphathiswa uncome abababafundi ngokuzimisela nanjengoko bebefunda phantsi kweemeko ezinzima ebezidalwa luphazamiseko lwentsholongwane yeCovid 19. Uthi ukupasa kunyaka ka2021 kuthetha okukhulu nanjengoko befunde phantsi kweemeko ebezingaqhelekanga.

Ukwabulele nabafundisi ntsapho ngokusebenzisana nabantwana kwaye beqinisekisa ukuba babuya neziphumo ezihle. Eziziphumo kulindeleke ukuba zisasazwe ngentsimbi yesithandathu(6pm) malanga namhlanje.

Isebe lezemfundo likwajongene nemiceli mngeni yokukhulelwa kwabantwana ezikolweni kwaye eliSebe liyalele izikolo ukuba zizichaze iziganeko ezikumila kunje ukuze zaziwe lisebe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks