32.1 C
King William's Town
Monday, December 9, 2024

Afumene izibhaxu amaqela oMzantsi Afrika ombhoxo adlala kwiRugby Championship iiLions beziqela ukubethwa kanti yona iStomers sithande ukuba yingqongqo

By Siphiwo Boqwana

Amaqela amabini(2) ombhoxo oMzantsi Afrika iiBulls neeSharks ayiphakamisele phezulu iflag yoMzantsi ngethuba omabini(2) lamaqela ephumelela imidlalo yayo yeVodacom Union Rugby Championship kwimpelaveki esiphuma kuyo.

Iqela lasePitoli iiBulls zilwe kanobomu kwamdaka iisali kumdlalo obunzima nalapho zibethe iBenetton belala emgceni kumzuzu wokugqibela bephumelea ngeshumi elinesixhenxe kwishumi elinesihlanu(17-15) lamanqaku. Lomdlalo ubudlalelwa eTravico ngoLwesihlanu umhla wanashumi amabini anesihlanu(25) kule yeDwarha inyanga.

IiSharks zaseDurban zona bezibhinqe omfutshane ngethuba zibhuqa iMunster ngamanqaku angamashumi amane ananye kumashumi amabini anesine(41-24) kumabala iKings Park ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithandathu(26) kwakule yeDwarha inyanga KwaZulu Natala.

Kanti kwelinye icala iDHL Stomers zona zibethelwe kowazo eStellenbosch eKapa ngamanqaku anganashumi amabini anesibhozo kwishumi elinesixhenxe(28-17) bebethwa ngabakhuseli balendebe Glasgow Warrious.

Nazo iiLions zifumene isibhaxu kulempelaveki emva kokubethwa ngethuba bebethwa yiLeinster ekuhambeni eDulin ngamanqaku angamashumi amabini anesine kwisithandathu(24-6), ukhumbule ukuba iiLions beziqala ukubethwa kuletumente.

Eziziphumo zithathe iiBulls zayokuzibeka kwindawo ebanzi yesithathu(3) ngamanqaku alishumi elinethoba(19) beshiywa ngeshumi lamanqaku liqela elikwindawo yokuqala(1) iLeinster.

IiLions zona zehlele kwindawo yesine(4) ngamanqaku alishumi elinesibhozo(18) ngoku zilingana neqela lombhoxo elikwindawo yesihlanu(5) iConnacht, zabe zona iiSharks ziyothi ngcu kwindawo yethoba(9) ngamanqaku alishumi elinesihlanu(15) emva kwalempumelelo yazo.

Emva lokufumana isibhaxu kulempelaveki siphuma kuyo iqela lombhoxo leStomers liye lisehla ngokwehla kuba ngoku liyokuthi folokohlo kwindawo yeshumi elinesithathu(13) ngamanqaku alishumi(10) emva kokuphumelela imidlalo nje emibini(2) kwimidlalo emihlanu(5) edlulileyo.

Kungoku nje amaqela ombhoxo kwiRugby Championship azakufumana ukuphumla ngokufanekekileyo kuba ngoku kuzakudlalwa imidlalo yamaqela esizwe ombhoxo de kuphele inyanga ezayo.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
38 %
1.9kmh
3 %
Mon
32 °
Tue
30 °
Wed
30 °
Thu
26 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks