Inkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika iqalise iphulo lokukhangela abarhanelwa ababandakanyeka kwityala lokubulala ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhozo anesihlanu (85) ubudala eNomzamo Garage, kuMain Road eKeiskamahoek.
Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba umsebenzi wasemakhitshini obesebenzela umfi umshiye nge25 kweyeDwarha ngoLwesihlanu nalapho athe xa ebuyela emsebenzini ngoMgqibelo umhla we-26 kweyeDwarha ngezithuba zentsimbi yesibhozo (08:00), wafika umzimba kamqashi wakhe ukwigumbi lokulala. Waze wabiza uncedo kubamelwane, apho bathe baxelela amapolisa.
Uphando lokuqala lwenziwe ngamaPolisa ngaphandle kwempumelelo yokubamba umrhanelwa. Ityala lokubulala, ukudlwengula nokuphanga livuliwe ukuze kuphandwe.
Nabani na onokunceda ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni komrhanelwa uyabongozwa ukuba aqhagamshelane noKeiskamahoek SAPS ku-040-658 0205 okanye uMcuphi uKapteni uXolile Rantyi ku-082 565 3334 okanye ngenye indlela inombolo yethu ye-SAPS Crime Stop 08600 10111.

