18.2 C
King William's Town
Friday, October 11, 2024

Iziphumo zemidlalo yeDSTV Premiership oko iqalile

IZIPHUMO ZANGOLWESIBINI NANGOLWESITHATHU KWIMIDLALO YESIBINI YEDSTV PREMIERSHIP OKO IQALILE ILEAGUE YEPSL

Kubonakala ngathi kuzakucaca kungentsuku zatywala ukuba amaqela ebepheka ntoni ngexeshe belungiselela lemidlalo, ingaba kuphekekile, kushiyelelwe, okanye abaqondenga ukuba abenzanga ngokupheleleyo. Nangona sesibona ukuba kugoso okwaphukayo kwamanye amaqela kodwa asikakwazi ukugweba de kugqithe imidlalo emihlanu ubuncinci. Ukhumbule ukuba abona bantu bazakuba phantsi koxinizelelo ngabaqeqeshi kakhulu nokuba abadlali abenzi yona nokuba sebengalandeli migaqo yomqeqeshi kodwa ngumqeqeshi ozakuthi agcwaliswe ibhatyi xa kufunwa isisombululo.

Ukhumbule ukuba bekudlaliwe kwimpela veki esiphuma kuyo nalapho amanye amaqela ebethiwe amanye ephumelele kubekho lawo athe adlala ntanganye kwakhona kukho ebedlalela ekuhambeni kubekho ebedlalela ekhayo kube kukho athe awakwazi nokufaka inqaku kubekho abavulele kwangena amanqaku kubo. Kodwa ke nangona kunjalo alikho iqela eliphumelele ngamanqaku angazulu kwamabini kwimpela veki esiphuma kuyo, ibe yiSupersport United kuphela ethe yafaka amabini akwaphendulwa yona iSundowns iwafakile amabini kodwa kwafakwa elinye kubo amanye aphumelele ngenqaku kwinto engekhoyo amanye adlala ngokulingana ngenqaku macala aze amanye aqengqa amaqanda.

Phezolo sibone ibhakabhaka libuya kakubi ngethuba lihlinzeke iRoyal AM apho ithe yalibetha ngamanqaku amane kwamabini ntoleyo yenze ukuba ibeliqela lokuqala ukukwazi ukufaka amanqaku amaninzi ngolu uhlobo, ukhumbule ukuba kumdlalo wokuqala iPirates ibethwe ekuhambeni eKapa ngethuba ibethwa siStellies ngelinye eqandeni, kanti kwelinye icala Abafana besithende nabo benze ezibukwayo babetha iRichards Bay ngamabini kwelinye, iRich Boyz azikadlali ngokulingana zingekaphumeleli zibethwe kabini kwimidlalo emibini esele beyidlalile ukhumbule ukuba bebevule ngokundwendwela amadzantsantsa aPitoli nalapho babethwa ngamabini kwinto engekhoyo. IArrows yona yadlala ngokulingana kumdlalo wayo wokuqala ngethuba idlala neSwayi Swayi ngelinye macala.

Ngolwesithathu ibiyimini yamanina kulapho singenakuthanda ukuphinda sive kungenjalo sibone ukuhlukunyezwa kwamagqiyazana nangeyiphi na imeko, singathanda ukuba bakhuselwe baphathwe kakuhle nabo bazihoye bazigade baxhasane bahoyane bacebisane bangamonelani nale yabo bazikhulisela abantwana kuthwa zisingle parents bangakhupheli imisindo yamaqabane abo okanye yotata babantwana bancede bazibambe bacingisise phambi kokuba benze bahlale beyazi ukuba umntana sisipho esivela enkosini akanatyala anawo amatyala ngalana wenu, ningababulali ningabonzakalisi ngenxa yabantu ababizwa ngokuba ngobabe daddy okanye nangeyiphi imeko ojongene nayo.

Bekudlalwa ngolwesithathu kwiDSTV Premiership ungalibali kuba ibiyiholide bekudllalwa emva kwemini umdlalo omkhulu obujongwe ngabomvu amehlo ngumdlalo apho injinga ezikhuselayo iMamelodi Sundowns iye yanyathelana nabandwendweli iKaizer Chiefs ukhumbule ukuba lamaqela ebedlalela ePitoli kuloSundowns adlale kabini kwiseason egqithileyo nalapho amakhosi atyatyushwa zombini izihlandlo xakungoku zombini bezilingana bekudlana iintsimbi nalapho iiBrazilians ziphumelele ngamanqaku amabini kwelinye.

Eminye imidlalo ebidlalwa ibidlalwa ngemini yamagqiyazana iCape Town City ibethe iSwallows ngelinye eqandeni wona Amazulu abamba ngobhongwana iSupersport ngamaqanda macala ze yona iCape Town Spurs yabethelwa ekhaya yiSekhukhuni United ngamabini eqandeni yaze iiChili Boyz zaqengqa amaqanda neTS Galaxy owokugqibela umdlalo ibe yiPolokwana City ephoxe iStellenbosch ngethuba beyibetha ngenqaku eqandeni

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
50 %
4.5kmh
21 %
Fri
21 °
Sat
35 °
Sun
29 °
Mon
17 °
Tue
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks